KumaHebhere

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13


Isahluko 3

Ndithi ngoko, bazalwana bangcwele, mabelana ngobizo lwasemazulwini, mondeleni uMpostile, uMbingeleli oMkhulu wovumo lwethu, uKristu Yesu;
2 ethembekile kulowo wamenzayo, kwanjengoMoses endlwini yakhe iphela.
3 Kuba lo ubalelwe ekuthini ufanelwe luzuko olungaphezu kolukaMoses; ngangokuba lowo wayakhayo indlu, enembeko engaphezu kwayo indlu.
4 Kuba yonke into eyindlu inoyakhayo; ke lowo wazakhayo zonke izinto nguThixo.
5 Okunene noMoses ebethembekile endlwini yakhe iphela ngokomkhonzi, ukuze bube bubungqina obo bezinto eziya kuthethwa.
6 Ke yena uKristu uthembeke ngokonyana phezu kwendlu yakhe; esiyindlu yakhe ke thina, ukuba singaba sithe sakubamba ngokuthe nkqi ukungafihlisi kwethu, neqhayiya lethemba lethu, sada sesa ekupheleni.
7 Endithi ke, njengoko atshoyo uMoya oyiNgcwele, Namhla, ukuba nithe naliva ilizwi lakhe,
8 Musani ukuzenza lukhuni iintliziyo zenu, Njengasengcaphukisweni, ngomhla wolingo entlango;
9 Apho bandilingayo ooyihlo, bandicikida, Bayibona imisebenzi yam iminyaka emashumi mane.
10 Kungoko ndakruqukayo seso sizukulwana, Ndathi, Bahlala belahleka ngeentliziyo, Abazazi ke bona iindlela zam;
11 Njengoko ndafungayo, ndinengqumbo, Ndathi, Unakanye ukuba bokha bangene ekuphumleni kwam!
12 Lumkani, bazalwana, hleze kubekho kubani wenu intliziyo engendawo, engakholwayo, enokumka kuThixo ophilileyo;
13 manivuselelane imihla ngemihla, xa kusathiwa kunamhla, ukuze kungabikho mntu kuni wenziwa lukhuni kukulukuhla kwesono.
14 Kuba siba ngamabelana ngoKristu, ukuba sithe ingqalo yokukholosa kwethu sayibamba ngokuthe nkqi, sada sesa ekupheleni;
15 ekubeni kusithiwa, Namhla, ukuba nithe naliva ilizwi lakhe, Musani ukuzenza lukhuni iintliziyo zenu, njengasengcaphukisweni.
16 Kuba bathe abathile, bevile, bacaphukisa, phofu ingengabo bonke abo baphumayo eYiputa ngoMoses.
17 Yayingoobani na ke awakruquka ngabo iminyaka emashumi mane? Yabingengabo na abo bonayo, bazidumbu zawayo entlango?
18 Wafungela oobani na ke, ukuba abayi kungena ekuphumleni kwakhe, ingengabo abo bangevanga?
19 Siyabona ke, ukuba babengenakungena, ngenxa yokungakholwa.