KumaHebhere

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13


Isahluko 1

UThixo wayethethile nje kudala ngeendawo ezininzi, nangeendlela ezininzi, koobawo ngabo abaprofeti, uthethe ngale mihla yokugqibela kuthi ngoNyana;
2 awammisayo wayindlalifa yeento zonke, awathi kwangaye wayenza indalo yonke;
3 othe, elubengezelo lobuqaqawuli bakhe, nombhalo wenkqu yakhe, ezithwele nokuzithwala zonke izinto ngalo ilizwi lamandla akhe, wesuka, akuba eyenzile ngokwakhe intlambululo yokusihlambulula ezonweni, wahlala phantsi ngasekunene kobuKhulu, enyangweni;
4 ethe waba ngonamandla ngaphezu kwezithunywa zezulu, ngangoko azuze ilifa legama eligqithiseleyo kunelazo.
5 Kuba sisiphi na isithunywa, awakha wathi kuso, UnguNyana wam wena, Mna ndikuzele namhla? Nokuthi, Mna ndiya kuba nguYise wakhe, Yena abe nguNyana wam?
6 Nangexa athi amngenise owamazibulo kwelimiweyo, uthi, Maziqubude kuye zonke izithunywa zikaThixo.
7 Okunene ngazo izithunywa zezulu uthi, Ulozenza izithunywa zakhe oomoya, Nababusi bakhe ilangatye lomlilo;
8 kodwa ngaye yena uNyana uthi, Itrone yakho, Thixo, isa ephakadeni lasephakadeni; Yintonga ethe tye intonga yobukumkani bakho.
9 Wathanda ubulungisa, wathiya okungendawo; Ngenxa yoko, uThixo, uThixo wakho, ukuthambise Ngeoli yomgcobo ngaphezu kowenu.
10 Abuye athi, Ekuqalekeni, wena Nkosi, waliseka ihlabathi, Nalo izulu lingumsebenzi wezandla zakho;
11 Wona aya kutshabalala, ke wena uhlala uhleli; Aye onke njengengubo eya konakala,
12 Nanjengesambatho uya kuwasonga, Asuke abe ngawambi; Ke wena ukwanguwe, Nayo iminyaka yakho ayiyi kuphela.
13 Sisiphi na ke isithunywa, awakha wathi kuso, Hlala ngasekunene kwam, Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho?
14 Azingomoya ababusayo zonke na, zithunywe ukuba zilungiselele abo baza kuba ziindlalifa zalo usindiso?