1 KuTimoti

1 2 3 4 5 6


Isahluko 3

Lithembekile ilizwi eli lithi, Ukuba ubani ungxamele ubuveleli, unqwenela umsebenzi omhle.
2 Umveleli ngoko umelwe kukuthi abe ngongenakukhalazelwa, eyindoda yamfazi mnye, eyingcathu, enesidima, ezibekile, ebuka iindwendwe, enokufundisa;
3 engageziswa yiwayini, engembethi, engemngxameli wanzuzo imbi. Makabe ngothantamisayo, engalwi, engemthandi wamali;
4 eyongamele kakuhle eyakhe indlu, abantwana bakhe bemthobele, benokundileka konke
5 (kuba ukuba umntu akakwazi ukuyongamela eyakhe indlu, angathini na ukuphatha ibandla likaThixo?);
6 angabi ngosandula ukungeniswa, ukuze angathiwa lwale likratshi, eyele ekugwetyweni koMtyholi.
7 Kanjalo ke umelwe kukuthi abe nobungqina obuhle obuvela kwabangaphandle, ukuze angeyeli engcikivweni nasesibatheni soMtyholi.
8 Kwangokunjalo abalungiseleli bamelwe kukuba nokundileka, bangabi ntlolela yombini, bangazinikeli kwiwayini eninzi, bangangxameli nzuzo imbi;
9 mababe nemfihlo yokholo esazeleni esihlambulukileyo.
10 Nabo aba ke mabacikidwe ukuqala; bandule ke ukulungiselela, bengabangenakumangaleleka.
11 Kwangokunjalo abafazi bamelwe kukuba nokundileka, bangabi ngabahlebi; mababe ziingcathu, bathembeke ezintweni zonke.
12 Abalungiseleli mababe ngamadoda abafazi ngabanye, besongamela kakuhle abantwana nezindlu ezizezabo.
13 Kuba abo balungiselele kakuhle, bazizuzela isimo esihle, nokungafihlisi okukhulu ekukholweni, okukuKristu Yesu.
14 Ezi zinto ndizibhala kuwe, ndithembe ukuba ndiya kuza kuwe kamsinya.
15 Ukuba ke ndithe ndalibala, ndikubhalela ukuze wazi, ukuba kumelwe kukuthiwani na ukuhanjwa endlwini kaThixo, yona ilibandla likaThixo ophilileyo, intsika nesiseko sayo inyaniso.
16 Kananjalo, ngokuvunyiweyo, inkulu imfihlelo yona leyo yokuhlonela uThixo: lowo wabonakalaliswa esenyameni, wagwetyelwa esemoyeni, wabonakala kwizithunywa zezulu, wavakaliswa phakathi kweentlanga, kwakholwa kuye ehlabathini, wenyuswa waba sebuqaqawulini.