1 KuTimoti
Isahluko 2
Ndiyavuselela ngoko kuqala kwiinto zonke, ukuba kwenziwe izikhungo, imithandazo, izibongozo, imibulelo, ngenxa yabantu bonke;  
2 ngenxa yookumkani nabo bonke abasekongameni, ukuze sihlale ngokonwaba nangokuzola, sinokuhlonela uThixo, nokundileka konke.  
3 Kuba oku kuhle, kwamkelekile emehlweni oMsindisi wethu uThixo;  
4 onga yena bangasindiswa bonke abantu, bafikelele ekuyazini inyaniso.  
5 Kuba mnye uThixo; mnye nomlamli phakathi koThixo nabantu, umntu uKristu Yesu,  
6 lowo wazinikelayo ukuba abe yintlawulelo yokukhulula abantu bonke; ubungqina ke obo bokungqinwa ngamaxesha angawabo;  
7 endithe ndamiselwa bona mna, ukuba ndibe ngumshumayeli nompostile (ndithetha inyaniso ndikuKristu, andixoki), umfundisi weentlanga elukholweni nasenyanisweni.  
8 Ngoko ndinga angathandaza amadoda kuzo zonke iindawo, ephakamisa izandla ezingcwele, engenangqumbo, engenantandabuzo.  
9 Kwangokunjalo mabathi nabafazi banxibe iingubo ezifanelekileyo, beneentloni, benesidima, ingabi kukuphotha iinwele, nokunxitywa kwegolide neeperile, nesambatho esixabiso likhulu;   
10 mabathi (ngokufanele abafazi abathi bahlonela uThixo), bavathe imisebenzi elungileyo.   
11 Umfazi, ezolile, makafunde ethobele konke.   
12 Umfazi ke andimvumeli ukuba afundise, nokuba ayilawule indoda; makazole.   
13 Kuba kwabunjwa uAdam kuqala, kwandula ke ukubunjwa uEva.   
14 Kanjalo akulukuhlwanga Adam; kulukuhlwe umfazi, waba sekugqitheni.   
15 Noko ke wosindiswa ngokuzala, ukuba bathe bema elukholweni, naseluthandweni, nasebungcwaliseni, benesidima.