UAmos

1 2 3 4 5 6 7 8 9


Isahluko 7

Yenjenje ukundibonisa iNkosi uYehova: Yabona, idala imiqikela yeenkumbi ekuqalekeni kokuhluma kwesihlabane sotyani; naso isihlabane eso, emva kokusikelwa kokumkani ingca.
2 Kwathi, yakugqiba ukuyidla imifuno yelizwe, ndathi mna, Nkosi Yehova, khawuxolele; wothini na uYakobi ukuma? kuba mncinane yena.
3 Wazohlwaya uYehova ngenxa yoko: Oko akuyi kubakho; watsho uYehova.
4 Yenjenje ukundibonisa iNkosi uYehova: Nantso iNkosi uYehova ibiza umlilo, ukuba yohlwaye ngawo; wawagqiba amanzi amaninzi enzonzobila, wasitshisa isahlulo sehlabathi.
5 Ndathi, Nkosi Yehova, khawuyeke; wothini na uYakobi ukuma? kuba mncinane yena.
6 Wazohlwaya uYehova ngenxa yoko: Nako oko akuyi kubakho; itsho iNkosi uYehova.
7 Yenjenje ukundibonisa: Nantso iNkosi imi eludongeni olumpuluswa, iphethe ngesandla ilothe yokulungelelanisa.
8 UYehova wathi kum, Ubona ntoni na, Amosi? Ndathi, Ilothe yokulungelelanisa. Yathi iNkosi, Yabona, ndibeka ilothe esazulwini sabantu bam amaSirayeli; andiyi kubuya ndiphinde ndidlule kubo.
9 Ziya kuchithwa iziganga zakwaIsake, zibengamanxuwa iingcwele zakwaSirayeli, ndisukele phezulu kwindlu kaYarobheham ngekrele.
10 UAmatsiya, umbingeleli waseBheteli, wathumela kuYarobheham ukumkani wakwaSirayeli, esithi, Ukucebile uAmosi esazulwini sendlu kaSirayeli; ilizwe alinakuwanyamezela onke amazwi akhe.
11 Ngokuba uAmosi utsho ukuthi, Uya kufa likrele uYarobheham, amaSirayeli aya kuthinjwa, afuduswe emke elizweni lawo.
12 Wathi uAmatsiya kuAmosi, Mboni, hamba, urhole uye ezweni lakwaYuda, udle khona isonka sakho, uprofete khona;
13 kodwa uze ungabi saphinda uprofete eBheteli, kuba yingcwele yokumkani khona, yindlu yakomkhulu leyo.
14 Waphendula uAmosi, wathi kuAmatsiya, Andimprofeti, andinyana wamprofeti; ndingumalusi weenkomo, ndingumbuthi weziqhamo zomthombe.
15 Kuba uYehova wandithabatha ndisalusa umhlambi, uYehova wathi kum, Yiya uprofete kubantu bam amaSirayeli.
16 Ngoko ke live ilizwi likaYehova. Uthi wena, Akuyi kuprofeta kumaSirayeli, akuyi kuwisa ntetho kwindlu kaIsake.
17 Ngako oko, utsho uYehova ukuthi, Umfazi wakho uya kuhenyuza phakathi komzi, bawe likrele oonyana bakho neentombi zakho; umhlaba wakho wabiwe ngolutya, ke wena ufele emhlabeni oyinqambi; amaSirayeli aya kuthinjwa, afuduswe emke elizweni lawo.