UAmos

1 2 3 4 5 6 7 8 9


Isahluko 1

Amazwi ka-Amosi, obengowakubo abalusi baseTekowa, awawabonayo ngokusingisele kwaSirayeli, ngemihla kaUziya ukumkani wakwaYuda, ngemihla kaYarobheham unyana kaYowashe, ukumkani wakwaSirayeli, iminyaka emibini phambi konyikimo.
2 Wathi: UYehova uyabharhula eZiyon, akhuphe ilizwi lakhe eYerusalem, amakriwa abalusi enze isijwili, incopho yeKarmele yome.
3 Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zeDamasko, ngenxa yezine—andiyi kuyibuyisa umva le nto—ngenxa yokuba bambhulayo uGiliyadi ngezibhulo zesinyithi:
4 ndiya kuphosa umlilo endlwini kaHazayeli, utshise iingxande ezinde zikaBhen-hadade.
5 Ndowaphula umvalo weDamasko, ndinqumle ummi wasesihlanjeni seAven, nophethe intonga yobukumkani eBhete-eden; bathinjwe abantu bakwa-Aram, baye eKire; utsho uYehova.
6 Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zeGaza, ngenxa yezine—andiyi kuyibuyisa umva le nto—ngenxa yokuthimba kwabo abathinjwa ngokuzeleyo, ukuze babanikele kuEdom:
7 ndiya kuthumela umlilo eludongeni lweGaza, utshise iingxande zayo ezinde.
8 Ndomnqumla omiyo eAshdode, nophethe intonga yobukumkani eAshkelon; ndisibuyisele isandla sam phezu kwe-Ekron, atshabalale amasalela amaFilisti; itsho iNkosi uYehova.
9 Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zeTire, ngenxa yezine—andiyi kuyibuyisa umva le nto—ngenxa yokubanikela kwabo abathinjwa bephelele kuEdom, abawukhumbula umnqophiso wobuzalwana:
10 ndiya kuthumela umlilo eludongeni lweTire, utshise iingxande zayo ezinde.
11 Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zakwaEdom, ngenxa yezine—andiyi kuyibuyisa umva le nto—ngenxa yokumsukelisa kwakhe umzalwana wakhe ngekrele, eyilahlile imfesane yakhe, umsindo wakhe uhlala uqwenga, emana egcine ukuphuphuma komsindo wakhe:
12 ndiya kuthumela umlilo kwaTeman, utshise iingxande ezinde zaseBhotsera.
13 Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zoonyana baka-Amon, ngenxa yezine—andiyi kuyibuyisa umva le nto— ngenxa yokuqangqulula kwabo abamithiyo baseGiliyadi, ukuze bandise umda wabo:
14 ndiya kubasa umlilo eludongeni lweRabha, utshise iingxande zayo ezinde, kuhlatywa umkhosi ngemini yokulwa, kukho umoya ovuthuzayo ngemini yesaqhwithi.
15 Uya kuthinjwa emke ukumkani wabo, yena nabathetheli bakhe kunye naye; utsho uYehova.