1 YeziKronike

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29


Isahluko 4

Oonyana bakaYuda nguPeretse, noHetseron, noKarmi, noHuri, noShobhali.
2 URehaya, unyana kaShobhali, wazala uYahati; uYahati wazala uAhumayi noLahadi. Yiyo le imizalwane yabaseTsora.
3 Yiyo le eyazala amaEtam: nguYezereli, noIshma, noIdebhashe; igama lodade wabo belinguHatseleleponi;
4 noPenuweli ozala amaGedore, noEzere ozala amaHusha. Ngabo abo oonyana bakaHuri, amazibulo kaEfrata, ozala amaBhetelehem.
5 UAshuri, ozala amaTekowa, ebena bafazi ababini, uHela noNahara.
6 UNahara wamzalela uAhuzam, noHefere, namaTemeni, namaHahashtari. Ngabo abo oonyana bakaNahara.
7 Oonyana bakaHela nguTserete, noYetsohare, noEtenan.
8 UKotsi wazala uAnubhi, noTsobhebha; nemizalwane ka-Aharele, unyana kaHarum.
9 Ke kaloku uYabhetse ebezukile kunabazalwana bakhe. Unina wamthiya igama lokuba nguYabhetse, esithi, Ndimzele ngokubulaleka.
10 UYabhetse wamnqula uThixo wakwaSirayeli, wathi, Ngamana wandisikelela, wawandisa ummandla wam, isandla sakho saba nam, wandithintela ebubini, ukuze ndingabulaleki. UThixo wamenzela loo nto wayicelayo.
11 UKelubhi, umkhuluwa kaShuwa, wazala uMehire, onguyise kaEshton.
12 UEshton wazala indlu kaRafa, noPaseha, noTehina, ozala umzi kaNahashe. Ngawo lawo amadoda akwaReka.
13 Oonyana bakaKenazi: uOteniyeli noSeraya; oonyana bakaOteniyeli nguHatati noMehonotayi.
14 UMehonotayi wazala uOfera; uSeraya wazala uYowabhi, ozala ooGeharashim, ngokuba bebeziingcibi.
15 Oonyana bakaKalebhi, unyana kaYefune, ngooIru, noEla, noNaham; oonyana bakaEla; nabakaKenazi.
16 Oonyana bakaYehaleleli ngooZifi noZifa, ngooTireya noAsareli.
17 Oonyana bakaEzera nguYetere, noMerede, noEfere, noYalon. Wazala uMiriyam, noShamayi, noIshbha, ozala amaEshtemowa.
18 Umkakhe uYehudiya wazala uYerede, ozala amaGedore; noHebhere, ozala amaSoko; noYekutiyeli, ozala amaZanowa. Ngabo abo oonyana bakaBhitya, intombi kaFaro, awayizekayo uMerede.
19 Oonyana bomkakhe uHodiya, udade boNaham: ngozala amaKehila, umGarmi; nozala amaEshtemowa, umMahaka.
20 Oonyana bakaShimon ngooAmnon noRina, ngooBhen-hanan noTilon. Oonyana bakaIshi ngooZohete noBhen-zohete.
21 Oonyana bakaShela, unyana kaYuda, ngooEre ozala amaLeka, noLada ozala amaMaresha, nemizalwane yendlu yabasebenza ilinen ecikizekileyo, yendlu ka-Ashbheya;
22 noYokim, namadoda aseKozebha, noYowashe, noSarafe (aba bazizikhulu kwaMowabhi), noYashubhi-lehem. Ke ezo zinto zezakudala.
23 Ngabo abo ababumbi nabemi baseNetayim neGedera; bahlala khona nokumkani emsebenzini wakhe.
24 Oonyana bakaSimon nguNemuweli, noYamin, noYaribhi, nguZera noSawule,
25 nguShalum unyana wakhe, nguMibhesam unyana wakhe, nguMishma unyana wakhe.
26 Oonyana bakaMishma nguHamuweli unyana wakhe, nguZakure unyana wakhe, nguShimehi unyana wakhe.
27 UShimehi ubenoonyana abalishumi elinabathandathu, neentombi ezintandathu; abazalwana bakhe ababanga nabantwana baninzi; wonke umzalwane wabo awandanga njengonyana bakaYuda.
28 Bahlala eBher-shebha, naseMolada, naseHatsare-shuwali,
29 naseBhileha, nase-Etsem, naseToladi,
30 naseBhetuweli, naseHorma, naseTsikelage,
31 naseBhete-markabhoti, naseHatsarsusim, naseBhete-bhiri, naseShaharayim. Yabiyiyo leyo imizi yabo, wada uDavide waba ngukumkani.
32 Nemizi yabo yiEtam neAyin, yiRimon neToken neAshan: izixeko ezihlanu;
33 nemizana yonke ebeyiyiphahlile loo mizi, kwesa kwaBhahali. Zizo ezo iindawo zokuhlala kwabo, benokubhalelwa emilibeni yokuzalwa kwabo.
34 UMeshobhabhi, noYamleki, noYosha unyana ka-Amatsiya,
35 noYoweli, noYehu unyana kaYoshibhiya, unyana kaSeraya, unyana ka-Asiyeli,
36 noEliyohenayi, noYahakobha, noYeshohaya, noAsaya, noAdiyeli, noYesimiyeli, noBhenaya;
37 noZiza unyana kaShifi, unyana ka-Alon, unyana kaYedaya, unyana kaShimri, unyana kaShemaya:
38 abo bakhankanyiweyo ngamagama ababezizikhulu emizalwaneni yabo. Izindlu zooyise zanaba kunene.
39 Baya entshonalanga kweGedore, bezisa empumalanga komfula, beyifunela utyani impahla yabo emfutshane.
40 Bafumana utyani bukhulile, bubuhle; ilizwe libanzi ngeenxa zombini, lizolile, lonwabile; ngokuba abakaHam babemi khona kudala.
41 Beza abo babhaliweyo amagama ngemihla kaHezekiya ukumkani wakwaYuda, bazixhaxha iintente zabo, bawasingela phantsi namaMehun abawafumana khona, unanamhla. Bahlala ezikhundleni zabo; ngokuba bekukho utyani bempahla yabo emfutshane khona.
42 Kwaphuma kubo, koonyana bakaSimon abo, kwaya entabeni yaseSehire, amadoda angamakhulu amahlanu, ephethwe ngooPelatiya, noNehariya, noRefaya, noUziyeli, oonyana bakaIshi.
43 Baxabela amaqongqolo ama-Amaleki abesindile; bahlala khona unanamhla.