1 YeziKronike

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29


Isahluko 1

UAdam, uSete, uEnoshe,
2 uKenan, uMahalaleli, uYerede,
3 uEnoki, uMetusela, uLameki,
4 uNowa, uShem, uHam, uYafete.
5 Oonyana bakaYafete nguGomere, noMagogi, noMadayi, noYavan, noTubhali, noMesheki, noTirasi.
6 Oonyana bakaGomere nguAshekenazi, noDifati, noTogarma.
7 Oonyana bakaYavan nguElisha noTarshishe, ngamaKiti, namaDodan.
8 Oonyana bakaHam nguKushi, noMitserayim, noPuti, noKanan.
9 Oonyana bakaKushi nguSebha, noHavila, noSabheta, noRama, noSabheteka. Oonyana bakaRama nguShebha noDedan.
10 UKushi wazala uNimrodi, yena waqala waba ligorha emhlabeni.
11 UMitserayim wazala amaLudi, nama-Anam, namaLehabhi, namaNafetuyi,
12 namaPatrusi, namaKaseluyi, apho kwaphuma khona amaFilisti, namaKafetori.
13 UKanan wazala uTsidon owamazibulo kuye, noHeti,
14 namaYebhusi, nama-Amori, namaGirgashi,
15 namaHivi, nama-Areki, namaSini,
16 nama-Arvadi, namaTsemari, namaHamati.
17 Oonyana bakaShem nguElan, noAsuri, noArpakishadi, noLudi, noAram, noUtse, noHuli, noGetere, noMesheki.
18 UArpakishadi wazala uShela; uShela wazala uEbhere.
19 UEbhere wazalelwa oonyana ababini, igama lomnye nguPelege, ngokuba ngemihla yakhe bahlukahluka abemi bomhlaba; igama lomninawa wakhe belinguYoketan.
20 UYoketan wazala uAlemodadi, noShelefe, noHatsaremavete, noYera,
21 noHadoram, noUzali, noDikela,
22 noEbhali, noAbhimayeli, noShebha,
23 no-Ofire, noHavila, noYobhabhi. Bonke abo ngoonyana bakaYoketan.
24 UShem, uArpakishadi, uShela,
25 uEbhere, uPelege, uRehu,
26 uSerugi, uNahore, uTera,
27 uAbram (nguAbraham ke lowo).
28 Oonyana baka-Abraham nguIsake noIshmayeli.
29 Zizo ezi iinzala zabo: owamazibulo kuIshmayeli nguNebhayoti, noKedare, noAdebhele, noMibhesam,
30 uMishama, noDuma, uMasa, uHadade, noTema, uYeture, uNafishi, noKedema. Ngabo abo oonyana bakaIshmayeli.
31 Oonyana bakaKetura, ishweshwe lika-Abraham: wazala uZimran, noYokeshan, noMedan, noMidiyan, noIshbhaki, noShuwa.
32 Oonyana bakaYokeshan nguShebha noDedan.
33 Oonyana bakaMidiyan nguEfa, noEfere, noEnoki, noAbhida, noElidaha. Bonke abo ngoonyana bakaKetura.
34 UAbraham wazala uIsake. Oonyana bakaIsake nguEsawu noSirayeli.
35 Oonyana bakaEsawu nguElifazi, noRehuweli, noYehushe, noYalam, noKora.
36 Oonyana bakaElifazi nguTeman, no-Omare, noTsefi, noGatam, noKenazi, noTimna, noAmaleki.
37 Oonyana bakaRehuweli ngooNahati, noZera, noShama, noMiza.
38 Oonyana bakaSehira nguLotan, noShobhali, noTsibheyon, noAna, noDishon, noEtsere, noDishan.
39 Oonyana bakaLotan ngamaHori, noHonam; udade boLotan nguTimna.
40 Oonyana bakaShobhali nguAleyan, noManahati, noEbhali, noShefi, no-Onam. Oonyana bakaTsibheyon nguAya noAna.
41 Oonyana baka-Ana nguDishon. Oonyana bakaDishon nguHamran, noEshbhan noItran noKeran.
42 Oonyana bakaEtsere nguBhilehan noZavan noYakan. Oonyana bakaDishan ngu-Utse noAran.
43 Ngabo aba ookumkani ababelawula ezweni lakwaEdom, kungekabikho kumkani ubelawula oonyana bakaSirayeli; nguBhela unyana kaBhehore; igama lomzi wakhe liyiDinabha.
44 Wafa uBhela; uYobhabhi unyana kaZera, waseBhotsera, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
45 Wafa uYobhabhi; uHusham, wasezweni lamaTeman, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
46 Wafa uHusham; uHadadi unyana kaBhedadi, owaxabela amaMidiyan emhlabeni wakwaMowabhi, waba ngukumkani esikhundleni sakhe; igama lomzi wakhe beliyiAviti.
47 Wafa uHadadi; uSamla waseMasereka waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
48 Wafa uSamla; uSawule, waseRehobhoti yoMlambo, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
49 Wafa uSawule; uBhahali-hanan, unyana ka-Akebhore, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
50 Wafa uBhahali-hanan; uHadadi waba ngukumkani esikhundleni sakhe; igama lomzi wakhe beliyiPahi; igama lomkakhe belinguMehetabheli, intombi kaMatrede, intombi kaMezahabhi.
51 Wafa uHadadi. Izikhulu zakwaEdom zezi: isikhulu esinguTimna, isikhulu esinguAliya, isikhulu esinguYetete,
52 isikhulu esinguAholibhama, isikhulu esinguEla, isikhulu esinguPinon,
53 isikhulu esinguKenazi, isikhulu esinguTeman, isikhulu esinguMibhetsare,
54 isikhulu esinguMagediyeli, isikhulu esinguIram. Zizo ezo izikhulu zakwaEdom.