1 KaPetros

1 2 3 4 5


Isahluko 3

Ngokunjalo, nina bafazi, wathobeleni awenu amadoda, ukuze kuthi, nokuba kukho kuwo angalivayo ilizwi, athi ngehambo yabafazi, lingekho ilizwi, azuzeke;
2 ebonela ihambo yenu enyulu, enoloyiko.
3 Ukuhomba kwenu makungabi kokwangaphandle, kokulukwa kweenwele, nokunxitywa kwegolide, nokwambathwa kweengubo;
4 makube kokomntu ofihlakeleyo wentliziyo, ovethe ukungonakali, umoya onobulali, ozolileyo, oxabiso likhulu emehlweni kaThixo.
5 Kuba babefudula besenjenjalo abafazi abangcwele, abo babemthembile uThixo, ukuhomba kwabo, bewathobele awabo amadoda;
6 njengokuba uSara wamlulamelayo uAbraham, embiza ngokuthi yinkosi; eningabantwana bakhe nina, nakuba nisenza okulungileyo, ningoyiki nto yethusayo.
7 Ngokunjalo, nina madoda, hlalani nabo ngokokwazi, nimbeka umfazi, njengesona sitya siethe-ethe, njengeendlalifa kunye nani zobabalo lobomi, ukuze imithandazo yenu ingathinteleki.
8 Elokugqiba, cingani nto-nye nonke, velanani, thandanani njengabazalwana, yibani nemfesane kakhulu, yibani nobubele.
9 Ningabuyekezi ububi ngobubi, nokutshabhisa ngokutshabhisa; kanye ke sikelelani, nisazi ukuba nabizelwa oku, ukuze niyidle ilifa intsikelelo.
10 Kuba Lowo unga angathanda ubomi, Ayibone imihla elungileyo, Makaluphezise ulwimi lwakhe ebubini, Nomlomo wakhe ungathethi inkohliso;
11 Makaphambuke ebubini, enze okulungileyo; Makafune uxolo, aluphuthume.
12 Ngokuba amehlo eNkosi aphezu kwamalungisa, Neendlebe zayo zisingisele esikhungweni sawo; Ke ubuso beNkosi buphezu kwabenza okubi.
13 Kananjalo ngubani na yena owonona, ukuba nithe naba ngabalandeli bokulungileyo?
14 Nokuba nithe neva ubunzima ngenxa yobulungisa, ninoyolo; musani ukoyika ngokoyikisa kwabo, ningakhathazeki nokukhathazeka.
15 INkosi ke uThixo yingcwaliseni ezintliziyweni zenu, nihlale ke nikulungele ukuziphendulela kumntu wonke obuzayo kuni ilizwi, ngalo ithemba elingaphakathi kwenu, ninobulali noloyiko;
16 ninesazela esilungileyo, ukuze kuloo nto banithethela okubi, ngathi ningabenzi bokubi, badane abo bayigxekayo ihambo yenu elungileyo kuKristu.
17 Ukuba ke kungaba kukuthanda kukaThixo ukuba nive ubunzima, okona kunilungeleyo kukubuva nisenza okulungileyo, kunokubuva nisenza okubi.
18 Ngokuba noKristu wabuva kwakanye ubunzima ngenxa yezono, ilungisa lisiva ubunzima ngenxa yabangemalungisa, ukuze asisondeze kuye uThixo; ebulewe okunene esenyameni, kodwa edliswe ubomi ekuwo umoya.
19 Awathi ekuwo, waya washumayela koomoya abasekukhonkxweni,
20 ababefudula bengeva, xenikweni ukuzeka kade umsindo kukaThixo kwakulindile ngemihla kaNowa, kwakubon’ ukuba kulungiswa umkhombe, ekwasindiselwa kuwo imiphefumlo embalwa, oko kukuthi esibhozo, ngamanzi.
21 Olusisindisayo ngawo nathi ngoku ubhaptizo ngokomfuziselo; olungekuko ukulahla ubunyhukunyhuku benyama; olukukubuzisa kuThixo kwesazela esilungileyo, ngokuvuka kukaYesu Kristu;
22 osekunene kukaThixo, eye emazulwini, kwakubon’ ukuba kuthotyelwe phantsi kwakhe izithunywa zezulu, noomagunya, namandla.