EkaYakobi

1 2 3 4 5


Isahluko 4

Zivela phi na iimfazwe nokulwa phakathi kwenu? Aziveli na apha eziyolweni zenu, eziwaphumela umkhosi amalungu enu?
2 Niyakhanuka, ningabi nakuzuza nto noko; niyabulala, nizonde, ningabi nakufumana nto noko; niyalwa, nenze imfazwe, ningabi nakuzuza nto ke, ngenxa yokuba ningaceli.
3 Niyacela, ningamkeli noko, ngenxa enokuba nicela kakubi, ukuze oko nikuchithele iziyolo zenu.
4 Bakrexezindini, bakrexezikazindini, anazi na ukuba ubuhlobo balo ihlabathi bubutshaba kuye uThixo? Othe ngoko wanga angaba sisihlobo salo ihlabathi, uzenza utshaba lukaThixo.
5 Okanye niba isibhalo esi sifumana sisitsho na, ukuthi, Umoya owahlala ngaphakathi kwethu ulangazelela ukukhweleta?
6 Ke ubabala kakhulu ngakumbi. Kungoko sithi, UThixo uyabachasa abanekratshi, abababale abazithobileyo.
7 Mthobeleni ngoko uThixo. Mchaseni ke uMtyholi, wonibaleka.
8 Sondelani kuye uThixo, wosondela kuni. Hlambululani izandla, boni, nenze nyulu iintliziyo, nina bamphefumlo umbaxa.
9 Yibani ziindwayi, nikhedame, nilile; ukuhleka kwenu makujike kube kukukhedama, nalo uvuyo lwenu lube kukuthi dakumba.
10 Zithobeni emehlweni eNkosi, yoniphakamisa.
11 Musani ukuthetha okubi omnye ngomnye, bazalwana. Lowo uthetha okubi ngomzalwana, amgwebe umzalwana wakhe, uthetha okubi ngomthetho, agwebe umthetho; ke, ukuba uyawugweba umthetho, akumenzi wamthetho, ungumgwebi.
12 Mnye uMmisi-mthetho, lowo unako ukusindisa nokutshabalalisa; ungubani na wena, umgwebayo omnye?
13 Wenani kaloku, nina nitshoyo ukuthi, Namhla, nokuba kungomso, siya kuya kulaa mzi, senze khona umnyaka ube mnye, sirhwebe, sizuze;
14 kanti nina aba anikwazi kakuhle okwangomso. Kuba buyintoni na ubomi benu? Bungumphunga obonakala ixesha elincinane, uze ke uthi shwaka.
15 Endaweni yokuba nithi, Ukuba iNkosi ithe yathanda, saphila, siya kwenza le nto, nalaa nto.
16 Ngoku ke niqhayisa ngokuqhankqalaza kwenu; konke ukuqhayisa okunjalo akundawo.
17 Ngoko kowaziyo ukwenza okuhle, angakwenzi, kulowo kusisono.