KwabaseKolose

1 2 3 4


Isahluko 4

Nina baziinkosi, baphatheni ngokufanelekileyo nangokulungeleleneyo abanikhonzayo; nisazi nje ukuba nani ngokwenu nineNkosi emazulwini.
2 Zingisani ukuthandaza, niphaphamile kuko, ninombulelo;
3 kunye noko nisithandazela, ukuze uThixo asivulele umnyango welizwi, ukuba siyithethe imfihlelo kaKristu, endikhonkxwe ngenxa yayo;
4 ukuze ndiyibonakalalise, njengoko ndimelwe kukuthetha ngako.
5 Hambani ngobulumko ngakwabo bangaphandle, nilonga ixesha eli.
6 Ukuthetha kwenu makuhlale kumnandi, kuvakalisiwe ngetyuwa, ukuze nazi ukuba nimelwe kukuthini na ukuphendula bonke ngabanye.
7 Izinto zonke ezilunge nam wonazisa uTikiko, umzalwana oyintanda, umlungiseleli othembekileyo, ongumkhonzi kunye nam eNkosini;
8 endimthumele khona oku kuni, ukuze azazi iindawo ezingani, azithuthuzele iintliziyo zenu;
9 kunye no-Onesimo, umzalwana othembekileyo, oyintanda, ongomnye wenu. Bonazisa izinto zonke zalapha.
10 Uyanibulisa uAristarko, ongumbanjwa ndawonye nam, noMarko umtshana kaBharnabhas, enamkela imithetho ngaye; ukuba uthe weza kuni, mamkeleni;
11 noYesu, ekuthiwa nguYusto, kwabolwaluko; ngabo bodwa abasebenzisana nam ngenxa yobukumkani bukaThixo, abathe bona baba sisonwabiso kum.
12 Uyanibulisa uEpafra ongomnye wenu, umkhonzi kaKristu, ehlala ezama ngenxa yenu emithandazweni, ukuze nime nigqibelele, nizalisekile kuko konke ukuthanda kukaThixo.
13 Kuba ndiyamngqinela ukuba unenzondelelo enkulu ngenxa yenu, nabo baseLawodike, nabo baseHirapoli.
14 Uyanibulisa uLuka, igqirha eliyintanda, noDemas.
15 Bulisani kubazalwana abaseLawodike, nakuNimfa, nakulo ibandla elisendlwini yakhe.
16 Xa ke le ncwadi ithe yaleswa kuni, ize nenze ukuba ileswe nasebandleni eliseLawodike; nani niyilese leyo iphuma eLawodike.
17 Yithini kuArkipo, Lukhangele ulungiselelo owalwamkelayo lwaseNkosini, ukuze uluzalise.
18 Umbuliso lo ungesam isandla, mna Pawulos. Yikhumbuleni imixokelelwane yam. Ubabalo malube nani. Amen.