KwabaseEfese

1 2 3 4 5 6


Isahluko 4

Ndiyanivuselela ngoko, mna mbanjwa waseNkosini, ukuba nihambe ngokulufaneleyo ubizo enabizwa ngalo,
2 ninako konke ukuthobeka kwentliziyo nobulali, ninokuzeka kade umsindo, ninyamezelana, nisenziwa luthando,
3 nikhuthalele ukubugcina ubunye boMoya ngentambo yoxolo.
4 Mnye umzimba, mnye noMoya, njengokuba nabizwayo nokubizwa, naba nathemba linye lobizo lwenu.
5 Inye iNkosi, lunye ukholo, lunye ubhaptizo,
6 mnye uThixo, uYise wabo bonke, ophezu kwabo bonke, okubo bonke, ophakathi kwenu nonke.
7 Ke elowo kuthi wababalwa ngokomlinganiso wokupha kukaKristu.
8 Kungoko athi, Enyuke waya enyangweni, wathimba intimbo, Wabapha izipho abantu.
9 Oko ke kuthi, wenyuka, kuyintoni na, kungekwakukuthi, wehla nokuhla kuqala, waya kwezona ziseza ntsi iindawo zomhlaba?
10 Owehlayo ikwangulowo wenyukayo, waya ngaphezu kwawo onke amazulu, ukuze azalise zonke izinto.
11 Waza kwayena wabapha abanye ukuba babe ngabapostile, abanye babe ngabaprofeti, abanye babe ngabashumayeli beendaba ezilungileyo, abanye babe ngabalusi nabafundisi,
12 ukuze abangcwele basulungekiselwe umsebenzi wolungiselelo, ukwakhiwa ke komzimba kaKristu;
13 side thina sonke sifike kubo ubunye benkolo, nobokumazi okuzeleyo uNyana kaThixo, ebudodeni obupheleleyo, emlinganisweni wobukhulu bokuzala kukaKristu;
14 ukuze singabi saba ziintsana, silatyuzwa, siphetshethwa ngumoya wonke wemfundiso, ngokunyanga kwabantu, ngobuqhetseba obusemaqhingeni olahlekiso;
15 sithi ke, sinyanisekile eluthandweni, sikhulele, ngeendawo zonke, kuye lo uyintloko, uKristu;
16 ekuphuma kuye ukuthi, umzimba wonke uhlangane kakuhle, ubandakanywe ngako konke ukuxhomekelelana kwamalungu okuluncedo, okusebenza ngomlinganiso weendawo zonke ngazinye, ukhulise umzimba, use ekuzakheni ngothando.
17 Ke ngoko, oku ndiyakuthetha ndikungqine ndiseNkosini, ukuthi, maningabi sahamba njengoko zihamba ngako nezinye iintlanga, ngamampunge engqiqo yazo,
18 zenziwe mnyama iingqondo, zingazani nobomi bukaThixo ngenxa yokungazi okukuzo, ngenxa yokuqaqadeka kwentliziyo yazo;
19 abathe bona, bengasaziva, bazinikela eburheletyweni, ukuze basebenze ukungcola konke, bebawa.
20 Ke nina animfundanga ngokunjalo uKristu,
21 ukuba kambe ningaba nimvile, nafundiswa nikuye, njengoko inyaniso ikuye uYesu;
22 yokuba nithi ngakwihambo yangaphambili nimlahle umntu omdala, owonakaliswayo ngokokweenkanuko zokulukuhla;
23 nihlaziywe ke kuwo umoya wengqiqo yenu,
24 nimambathe umntu omtsha, othe ngokukaThixo wadalelwa ebulungiseni, nasebungcweleni benyaniso.
25 Kungoko ke ndithi, lahlani ubuxoki, thethani inyaniso elowo nommelwane wakhe; ngokuba singamalungu, omnye elelomnye.
26 Qumbani, ningoni; ilanga malingade litshone nicaphukile;
27 kananjalo musani ukumkhwelela indawo uMtyholi lo.
28 Lowo ubayo makangabi seba; kanye ke makabulaleke esebenza okulungileyo ngezandla zakhe, ukuze abe nako ukwabela osweleyo.
29 Makungaphumi nanye intetho ebolileyo emlonyeni wenu; mayibe yesukuba ilungele ukuxuma oko kuluncedo, ukuze ibabale abevayo.
30 Kanjalo musani ukumenza buhlungu uMoya oyiNgcwele kaThixo, enathi kuye natywinwa, naqiniselelwa imini yentlawulelo.
31 Mabukhweleliswe kuni bonke ubukrakra, nomsindo, nengqumbo, nengcolo, nonyeliso, ndawonye nolunya lonke.
32 Ke nina yibani nobubele omnye komnye, nibe nemfesane kakhulu, nixolelane, njengokuba naye uThixo wanixolelayo ekuKristu.