KumaGalati

1 2 3 4 5 6


Isahluko 5

Yimani ngoko enkululekweni, athe uKristu wasikhululela kuyo; nize ningabuyi nibanjwe yidyokhwe yobukhoboka.
2 Niyabona, mna, Pawulos, ndithi kuni, ukuba nithe naluka, uKristu akasayi kuninceda lutho.
3 Ndiphinda ndingqina ke kumntu wonke owalukileyo, ukuba ungonetyala lokuwenza umthetho uphela.
4 Nibhangile, nahlukana noKristu, nina aba nigwetyelwayo emthethweni, naphalala elubabalweni.
5 Kuba thina ngoMoya silinde kakhulu ithemba lobulungisa ngokwaselukholweni.
6 Kuba kwabakuKristu Yesu akunamandla anto ukwaluka, kwanokungaluki; into enamandla lukholo olusebenza ngothando.
7 Nibe nibaleka kakuhle; ngubani na osuke wanithintela ukuba ningayithambeli inyaniso?
8 Olo loyiseko lwenu aluphumi konibizayo.
9 Igwele elincinane liyayibilisa intlama iphela.
10 Mna ndikholosekile malunga nani eNkosini, ukuba aniyi kucinga nto yimbi; ke onikhathazayo uya kuluthwala ugwebo, nokuba ngongubani.
11 Mna ke, bazalwana, ukuba ndingaba ndisavakalisa ulwaluko, ndisatshutshiselwani na? —singaba sibhangisiwe njengoko isikhubekiso eso somnqamlezo.
12 Akwaba bangazinqumla nokuzinqumla abaniqungaqungayo.
13 Kuba nina nabizelwa enkululekweni, bazalwana; kodwa ke musani ukuthi, ukuyiphatha inkululeko leyo, nivulele inyama ithuba; manisuke ngalo uthando nikhonzane.
14 Kuba wonke umthetho uzaliswe ngazwi linye, ngeli lithi, Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako.
15 Ukuba ke niyagrenyana, nidlane, lumkani ukuba ningagqitywa omnye ngomnye.
16 Ke kaloku ndithi, Hambani ngokoMoya, naningasayi kuthi ke niyizalise inkanuko yenyama.
17 Kuba inyama ikhanuka ngokuchasene noMoya, uMoya ke ukhanuka ngokuchasene nenyama; ezo zinto ke ziphambene, ukuze ningazenzi izinto enisukuba nizithanda.
18 Ukuba ke nikhokelwa nguMoya, aningaphantsi komthetho.
19 Iyabonakala ke yona imisebenzi yenyama, eyile: ukrexezo, umbulo, ukungcola, uburheletyo,
20 ukubusa kwizithixo, ukukhafula, intiyo, iinkani, amakhwele, imisindo, amayelenqe, iimbambaniso, izahlukano,
21 oomona, ookubulala, ookunxila, iindywala, nezinto ezinjengezo; endinixelelayo ngenxa engaphambili, njengokuba besendinixelele kade, ukuba abazenzayo izinto ezinjalo abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.
22 Ke sona esoMoya isiqhamo luthando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, intembeko, ubulali, ukuzeyisa;
23 akukho mthetho uchasene nezinto ezinjalo.
24 Ke kaloku abo ke bakaKristu, inyama bayibethelele emnqamlezweni, kunye neminqweno neenkanuko zayo.
25 Ukuba sidla ubomi ngokoMoya, masihambe nokuhamba kwangokoMoya.
26 Masingabi ngabozuko olulambathayo, sithelekisana, simonelana.