UMarko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16


Isahluko 10

Esukile apho, uze kungena emideni yakwaYuda, ecanda kweliphesheya kweYordan. Kubuya kuhlanganiselane izihlwele kuye; ubesithi ke, njengoko ebeqhele ngako, abuye azifundise.
2 Bafika abaFarisi, bambuza ukuba kuvumelekile na ukuba indoda imale umfazi wayo; batsho bemlinga.
3 Waphendula ke wathi kubo, UMoses waniwisela mthetho mni na?
4 Bathi bona, UMoses wakuvumela ukubhala incwadi yokwahlukana, nokumala.
5 Waphendula uYesu wathi kubo, Ngokuba lukhuni kwentliziyo yenu, wanibhalela loo mthetho;
6 kodwa kwasekuqalekeni kokudalwa, uThixo wabenza bayindoda nenkazana.
7 Ngenxa yoko umntu uyakushiya uyise nonina, anamathele emfazini wakhe;
8 baze abo babini babe nyama-nye. Ngako oko, abasebabini, banyama-nye.
9 Oko ke ngoko uThixo akumanyileyo, makungahlulwa mntu.
10 Endlwini abafundi bakhe babuya bambuza ngayo loo nto.
11 Athi kubo, Othe wamala umfazi wakhe, wazeka omnye, uyakrexeza kulowa.
12 Nokuba umfazi uthe wayala indoda yakhe, wendela kwenye, uyakrexeza.
13 Baye bezisa abantwana kuye ukuze abachukumise; basuka abafundi babakhalimela abo babazisayo.
14 Ke kaloku ekubonile oku uYesu, wacaphuka, wathi kubo, Bavumeleni abantwana beze kum, ningabaleli: ngokuba ubukumkani bukaThixo bubobabo banjalo.
15 Inene ndithi kuni, Othe akabamkela ubukumkani bukaThixo njengomntwana, akayi kukha angene kubo.
16 Waza wabawola, wazibeka izandla phezu kwabo, wamana ebasikelela.
17 Akubon’ ukuba uyaphuma, uya endleleni, kweza othile ngokubaleka, wawa ngamadolo kuye, wambuza esithi, Mfundisi ulungileyo, ndenze ntoni na, ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade?
18 Uthe ke uYesu kuye, Yini na ukuba uthi ndilungile? Akukho ulungileyo, mnye kwaphela-nguThixo.
19 Uyayazi imithetho: Musa ukukrexeza, musa ukubulala, musa ukuba, musa ukungqinela ubuxoki, musa ukulumkisa, beka uyihlo nonyoko.
20 Uphendule ke yena wathi kuye, Mfundisi, zonke ezo zinto ndazigcina, kwasebuncinaneni bam.
21 Uthe ke uYesu, ondele kuye, wamthanda, wathi kuye, Kukho nto-nye uyisweleyo: hamba uye kuthengisa ngeento zonke onazo, uphe amahlwempu, woba nobutyebi ke emazulwini; yiza ke undilandele, uwuthwele umnqamlezo.
22 Wathi ke khunubembe ngelo zwi, wemka ebuhlungu; kuba ebenemfuyo eninzi.
23 UYesu esingasingile, wathi kubafundi bakhe, Hayi, ukuba ngenkankulu ukuya kungena kwabo banobutyebi ebukumkanini bukaThixo!
24 Ke bathi qhiphu umbilini abafundi ngamazwi akhe. Aphinde ke uYesu, aphendule athi kubo, Bantwana, hayi, ukuba ngenkankulu ukuthi abo bakholose ngobutyebi bangene ebukumkanini bukaThixo!
25 Kulula ukuba inkamela iphumele entunjeni yenaliti, kunokuba isityebi singene ebukumkanini bukaThixo.
26 Baye bekhwankqiswa ke ngokuncamisileyo, besitshono ukuthi, Ngubani na ongasindiswayo?
27 Ondele ke kubo uYesu, uthi, Kubantu akunakwenzeka; kuye yena uThixo akunakuba kungenzeki; kuba zonke izinto zinako ukwenzeka kuye uThixo.
28 Waqala uPetros ukuthi kuye, Uyabona, thina sishiye iinto zonke, sakulandela.
29 Waphendula uYesu wathi, Inene ndithi kuni, akukho namnye ushiye indlu, nokuba ngabazalwana, nokuba ngoodade, nokuba nguyise, nokuba ngunina, nokuba ngumfazi, nokuba ngabantwana, nokuba ngamasimi, ngenxa yam nangenxa yeendaba ezilungileyo ezi,
30 ongayi kuthi amkeliswe kalikhulu: ngoku ngeli xesha, izindlu, nabazalwana, noodade, noonina, nabantwana, namasimi, ndawonye neentshutshiso; nakwelizayo iphakade, ubomi obungunaphakade.
31 Ke baninzi abokuqala abaya kuba ngabokugqibela, nabokugqibela abaya kuba ngabokuqala.
32 Ke kaloku babesendleleni, benyuka besiya eYerusalem; waye uYesu ehamba phambi kwabo; baye bethe qhiphu umbilini, balandela besoyika. Wabuya wabathabatha abalishumi elinababini waqala ukubaxelela izinto eziza kumhlela, esithi,
33 Niyabona, siyenyuka siya eYerusalem; waye uNyana woMntu eya kunikelwa kubabingeleli abakhulu, nakubabhali; baya kumgweba ukuba afe, bamnikele kuzo iintlanga.
34 Ziya kudlala ngaye, zimtyakatye, zimtshicele, zimbulale; aze athi ngomhla wesithathu abuye avuke.
35 Kuthi kuze kuye uYakobi noYohane, oonyana bakaZebhedi, besithi, Mfundisi, sithanda ukuba usenzele into esothi siyicele.
36 Wathi ke yena kubo, Nithanda ukuba ndinenzele ntoni na?
37 Bathi ke bona kuye, Siphe ukuhlala, omnye ngasekunene kwakho, nomnye ngasekhohlo kwakho, ebuqaqawulini bakho.
38 Wathi ke uYesu kubo, Aniyazi into eniyicelayo: ninako na ukuyisela indebe endiyiselayo mna, nibhaptizwe ngobhaptizo endibhaptizwa ngalo mna? Bathi ke bona kuye, Sinako.
39 Wathi ke uYesu kubo, Okunene indebe endiyiselayo mna, niya kuyisela; nobhaptizo endibhaptizwa ngalo mna, niya kubhaptizwa kwangalo;
40 kodwa kona ukuhlala ngasekunene kwam nangasekhohlo kwam, asikwam ukupha ngako, ngaphandle kokupha abo kulungiselwe bona.
41 Bevile abalishumi, baqala ukubacaphukela ooYakobi noYohane.
42 Ke kaloku, uYesu ebabizele kuye, uthi kubo, Niyazi ukuba abo kuthiwa balawula iintlanga, bayazigagamela; nabo bazizikhulu zazo benza ngegunya kuzo.
43 Ze kungabi njalo ke phakathi kwenu nina; osukuba efuna ukuba mkhulu phakathi kwenu, makabe ngumlungiseleli wenu;
44 nosukuba efuna ukuba ngowokuqala, makabe ngumkhonzi wabo bonke;
45 kuba noNyana woMntu engezanga kulungiselelwa; weza kulungiselela, nokuncama ubomi bakhe, bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.
46 Baza kufika eYeriko. Ekuphumeni kwakhe eYeriko apho, nabafundi bakhe nendimbane elingeneyo, unyana kaTimeyu, uBhartimeyu, imfama, waye ehleli ngasendleleni engqiba.
47 Wathi akuva ukuba nguYesu waseNazarete, waqala ukudanduluka wathi, Yesu nyana kaDavide, ndenzele inceba.
48 Baye abaninzi bemkhalimela ukuba athi tu; kwaba kokukhona ke wadandulukayo ngakumbi, esithi, Nyana kaDavide, ndenzele inceba.
49 Wema uYesu wathi, Makabizwe. Bayibiza ke imfama, besithi kuyo, Yomelela, suk’ ume; uyakubiza.
50 Ithe ke yona, ilahle ingubo yayo, yesuka yeza kuYesu.
51 Aphendule athi kuyo uYesu, Uthanda ukuba ndikwenzele ntoni na? Yathi ke imfama kuye, Rabhoni, ndithanda ukuba ndibone.
52 Wathi ke uYesu kuyo, Hamba uhambe; ukholo lwakho lukusindisile. Yabona kwaoko, yamlandela uYesu endleleni apho.