UMateyu

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28


Isahluko 17

Uthi uYesu emveni kweentsuku ezintandathu, athabathe uPetros, noYakobi, noYohane umzalwana wakhe, abanyuse baye entabeni ephakamileyo bebodwa.
2 Wenziwa waba kumila kumbi phambi kwabo, bathi ubuso bakhe bakhazimla njengelanga, zasuka ke iingubo zakhe zamhlophe njengokukhanya.
3 Nanko kubonakala kubo uMoses noEliya, bethetha naye.
4 Waphendula ke uPetros, wathi kuYesu, Nkosi, kulungile ukuba sibe lapha; ukuba uyathanda, masenze apha iminquba ibe mithathu, omnye ube ngowakho, omnye ube ngokaMoses, omnye ube ngokaEliya.
5 Kuthe esathetha, kwathi gqi ilifu elikhanyayo, labenzela ithinzi; nalo izwi liphuma efini apho, lisithi, Lo nguNyana wam oyintanda, endikholisiweyo nguye; mveni yena.
6 Bathi abafundi, bakukuva oko, bawa ngobuso babo, boyika kakhulu.
7 Akufika uYesu wabachukumisa, wathi, Vukani ningoyiki.
8 Bathe ke bakuphakamisa amehlo abo, ababona mntu, yanguYesu yedwa.
9 Bakubon’ ukuba bayehla entabeni apho, wabawisela umthetho uYesu esithi, Ize ningawuxeleli bani umbono lo, ade avuke kwabafileyo uNyana woMntu.
10 Bambuza abafundi bakhe, besithi, Yini na phofu ukuba ababhali bathi, uEliya umelwe kukufika tanci?
11 Uphendule ke uYesu, wathi kubo, Okunene kufika uEliya tanci, abuye azimise zonke izinto.
12 Ke ndithi kuni, uEliya uselefikile. Abamazanga, basuka benza kuye konke abakuthandayo; kwangokunjalo uNyana woMntu uza kuva ubunzima ngabo.
13 Bandula ukuqonda abafundi ukuba ubethetha kubo ngaye uYohane umbhaptizi.
14 Bakubon’ ukuba bafikile esihlweleni, kweza kuye umntu, esiwa ngamadolo phambi kwakhe, esithi,
15 Nkosi, menzele inceba unyana wam; ngokuba unesathuthwane, esiva ubunzima obukhulu; kuba esiwa futhi emlilweni, nasemanzini futhi.
16 Ndithe ndamzisa kubafundi bakho, ababa nako ukumphilisa.
17 Waphendula ke uYesu wathi, Sizukulwanandini singakholwayo, sigwenxa, koda kube nini na ndinani? Koda kube nini na ndininyamezele? Mziseni kum apha.
18 Waza uYesu wayikhalimela, yaphuma kuye idemon; waphiliswa umntwana kwangelo lixa.
19 Bandula beza abafundi kuYesu bebodwa, bathi, Bekungani na ukuba singabi nako ukuyikhupha thina?
20 Wathi ke uYesu kubo, Bekungenxa yokungakholwa kwenu; kuba inene ndithi kuni, Beningathi, ninokholo olunjengokhozo lwemostade, nithi kule ntaba, Suka apha uye phaya, isuke, kungabikho nto iya kuninqabela.
21 Olu ke lona uhlobo aluphumi, kungengako ukuthandaza nokuzila ukudla.
22 Ke kaloku, bakubon’ ukuba bahleli kwelaseGalili, wathi uYesu kubo, UNyana woMntu uza kunikelwa ezandleni zabantu;
23 baya kumbulala, athi ngomhla wesithathu avuke. Baba buhlungu kakhulu.
24 Ke, bakubon’ ukuba bafikile eKapernahum, kweza kuPetros abo bamkela imali yetempile, bathi, Umfundisi wenu akayirholi na imali yetempile?
25 Athi, Ewe, uyayirhola. Akungena endlwini, uYesu wamphangela, esithi, Uthini na wena, Simon? Ookumkani behlabathi bamkela kubaphi na irhafu nomnikelo? koonyana babo, kwabasemzini, kusini na?
26 Athi uPetros kuye, Kwabasemzini. Wathi uYesu kuye, Bakhululekile ngoko ke bona oonyana.
27 Kodwa ukuze singabakhubekisi, hamba uye elwandle, uphose umlobothi wakho, uthabathe loo ntlanzi ithe yavela tanci. Wothi wakuwunqika umlomo wayo, ufumane ishekele; thabatha yona leyo ubanike, usenzelelela mna nawe.