UMalaki

1 2 3 4


Isahluko 4

Ngokuba, yabonani, iyeza imini evutha njengeziko; baya kuba ziindiza bonke abakhukhumali, nabenzi bonke bokungendawo, ibalenye loo mini izayo, utsho uYehova wemikhosi, ingabashiyeli ngcambu nasebe.
2 Ke kuni, nina baloyikayo igama lam, ilanga lobulungisa liya kuphuma, linophiliso emaphikweni alo. Niya kuphuma nidlobe, njengamankonyana asesitalini, nibaxovule abangendawo;
3 ngokuba baya kuba luthuthu phantsi kweentende zeenyawo zenu ngemini endikwenzayo oku; utsho uYehova wemikhosi.
4 Khumbulani umyalelo kaMoses, umkhonzi wam, endamwiselayo eHorebhe, ngokusingisele kumaSirayeli onke, imimiselo namasiko.
5 Yabonani, ndiya kuthumela kuni uEliya umprofeti, ingekafiki imini enkulu eyoyikekayo kaYehova.
6 Wobuyisela iintliziyo zooyise kubantwana, neentliziyo zabantwana kooyise, hleze ndize ndilichithe ilizwe ngokuliphanzisa.