UDaniyeli

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12


Isahluko 7

Ngomnyaka wokuqala kaBheleshatsare ukumkani waseBhabheli, uDaniyeli wabona iphupha nemibono yentloko yakhe esililini sakhe. Waza walibhala iphupha, waxela isimbuku sezo zinto.
2 Wasusela uDaniyeli wathi, Ndabona embonweni wam ebusuku, nantso imimoya yomine yasezulwini, ityhobozela kulwandle olukhulu.
3 Kwenyuka elwandle amarhamncwa amakhulu kakhulu, engafani elinye nelinye.
4 Elokuqala libe linjengengonyama, linamaphiko okhozi; ndalibona, ada amaphiko alo axhwithwa, lafunqulwa emhlabeni, lamiswa ngeenyawo njengomntu, lanikwa intliziyo yomntu.
5 Nalo elinye irhamncwa, elesibini, linjengebhere; laziphakamisa ngacala-nye, lineembambo ezintathu emlonyeni walo phakathi kwamazinyo alo; kwathiwa kulo, Suka udle inyama eninzi.
6 Emveni koko ndabona: nalo elinye, linjengengwe, linamaphiko entaka amane emhlana walo, lineentloko ezine; irhamncwa elo lanikwa igunya.
7 Emveni koko ndabona emibonweni yasebusuku: nalo irhamncwa lesine, eloyikekayo, elomeleleyo, elincamisileyo ngamandla, elimazinyo makhulu esinyithi, lisidla, liyicola, liyinyathela ngeenyawo zalo into eseleyo; laye lingafani nawo onke amarhamncwa abengaphambili kwalo; lineempondo ezilishumi.
8 Ndaziqiqa iimpondo, ndabona kunyuka phakathi kwazo olunye uphondo, luluncinane, ekwancothulwa phambi kwalo ezintathu kwezokuqala iimpondo. Nanko ke, kukho kolu phondo amehlo anjengamehlo omntu, nomlomo uthetha izinto ezinkulu kakhulu.
9 Ndabona, zada zamiswa iitrone, wahlala uNyangelemihla; isambatho sakhe simhlophe njengekhephu, neenwele zentloko yakhe zinjengoboya bezimvu obunyulu, itrone yakhe ingamalangatye, iivili zayo ngumlilo olenyayo.
10 Kwaphuma umlambo womlilo phambi kwakhe, amawaka amawaka ayelungiselela kuye, nezigidi zezigidi bezimisa phambi kwakhe; abagwebi bahlala phantsi, iincwadi zavulwa.
11 Ndabona; ndaza ngenxa yesandi samazwi amakhulu kakhulu olwawathethayo uphondo, ndabona, lada labulawa irhamncwa, wabhujiswa umzimba walo, wanikelwa emlilweni uvutha.
12 Amanye ke amarhamncwa ahluthwa igunya lawo; noko ke bolulelwa ubomi okwethutyana nexeshana.
13 Ndabona emibonweni yasebusuku: nanko kusiza, ngamafu ezulu, onjengonyana womntu, wafika kuNyangelemihla, wasondezwa phambi kwakhe.
14 Wanikwa igunya, nobuhandiba, nobukumkani, ukuze zonke iintlanga, nezizwe, neelwimi, zimbuse; igunya lakhe ligunya elingunaphakade, elingapheliyo; ubukumkani bakhe bobungayi konakaliswa.
15 Umoya wam, mna Daniyeli, wazibhijabhija phakathi komzimba, nemibono yentloko yam yandikhwankqisa.
16 Ndasondela komnye wababemi khona, ukuba ndicele kuye inyaniso ngezo zinto zonke; wathetha kum, ukuze andazise ukutyhilwa kwezinto.
17 La marhamncwa makhulu kakhulu mane ngookumkani abane, abaya kusuka beme ehlabathini.
18 Ke ubukumkani baya kubuthabatha abangcwele bOsenyangweni, babume ubukumkani, kude kuse ephakadeni, kude kuse ephakadeni lamaphakade.
19 Ndaza ndanga ndingayazi inyaniso ngeli rhamncwa lesine, elingafaniyo namanye onke, elincamisileyo ngokoyikeka, elimazinyo asisinyithi, elimathupha alubhedu, eladla, lacola, layinyathela ngeenyawo into eseleyo;
20 nangeempondo ezilishumi ezibe zisentlokweni yalo, nangolunye olwavelayo, ezawa phambi kwalo ezintathu; olo phondo lube lunamehlo, nomlomo obe uthetha izinto ezinkulu kakhulu; ukubonakala kwalo bekukukhulu ngaphezu kwamadlelane alo.
21 Ndabona ukulwa kolu phondo nabangcwele, lwabeyisa;
22 wada weza uNyangelemihla, wabagwebela abangcwele bOsenyangweni, lafika ixesha lokuba abangcwele babume ubukumkani.
23 Watsho ukuthi, Irhamncwa lesine ke: kuya kubakho ubukumkani besine ehlabathini, obungafaniyo bona nezikumkani zonke, bulidle ihlabathi lonke, bulinyathele, bulicole.
24 Iimpondo ezilishumi ke: kuya kusuka kume kobo bukumkani ookumkani abalishumi, kusuke omnye emva kwabo; lowo akayi kufana nabaphambili; uya kuthoba ookumkani abathathu,
25 athethe amazwi okuchasana nOsenyangweni, abonakalise abangcwele bOsenyangweni, acamange ngokuwenza wambi amathuba nomthetho, banikelwe esandleni sakhe ixesha namaxesha nesiqingatha sexesha.
26 Ke abagwebi baya kuhlala phantsi, balisuse igunya lakhe, ukuze litshabalale lidake, kude kuse ekupheleni.
27 Ubukumkani, negunya, nobukhulu bezikumkani phantsi kwamazulu onke, buya kunikwa abantu abangcwele bOsenyangweni; ubukumkani bakhe bubukumkani obungunaphakade, namagunya onke aya kumbusa, amve.
28 Yaza kuphela apha le nto. Mna Daniyeli, izicamango zam zandikhwankqisa kakhulu, Ibala lobuso bam laguquka ndayigcina le nto entliziyweni yam.