INtshumayeli

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12


Isahluko 11

Siphose isonka sakho phezu kwamanzi, ngokuba wosifumana kwakuba ziintsuku ezininzi.
2 Yahlula izahlulo zibe sixhenxe, zibe sibhozo, ngokuba akuyazi into embi eya kubakho ehlabathini.
3 Ukuba amafu athe azala yimvula, ayithululela emhlabeni; ukuba umthi uthe wawa, wabheka ezantsi, nokuba uthe wabheka entla, kuloo ndawo uwe kuyo umthi lowo, wolala khona.
4 Ogqala umoya akayi kuhlwayela; okhangela amafu akayi kuvuna.
5 Njengokuba ungayazi ukuba yiyiphi na indlela yomoya, kwanjengokuyilwa kwamathambo esiswini somithiyo; ngokunjalo akusazi isenzo sikaThixo owenza izinto zonke.
6 Kusasa hlwayela imbewu yakho, nangokuhlwa ungasiphumzi isandla sakho; ngokuba ungazi ukuba kolunga yiphi na, nokuba yile nokuba yileya, kusini na, nokuba zolunga ngakunye zombini na.
7 Kumnandi ukukhanya, kulungile emehlweni ukulibona ilanga.
8 Ngokuba umntu, ukuba uthe wadla ubomi iminyaka emininzi, makavuye ngayo yonke iphela, noko ke akhumbule imihla yobumnyama, ukuba iya kuba mininzi. Yonke into ezayo ingamampunge.
9 Vuya, ndodana, ebutsheni bakho, ikuchwayithise intliziyo yakho ngemihla yobudodana bakho, uhambe ngeendlela zentliziyo yakho, nangokukhangela kwamehlo akho; kodwa yazi ukuba ngenxa yezo zinto zonke uThixo uya kukusa ematyaleni.
10 Yisuse ke ingqumbo entliziyweni yakho, ubudlulise ububi enyameni yakho; ngokuba ubutsha nobudoda bungamampunge.