UNehemiya

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13


Isahluko 12

Ngabo aba ababingeleli nabaLevi, abenyuka noZerubhabheli unyana kaShelatiyeli, noYeshuwa: ibinguSeraya, noYeremiya, noEzra,
2 noAmariya, noMaluki, noHatushe,
3 noShekaniya, noRehum, noMeremoti,
4 noIdo, noGinetohi, noAbhiya,
5 noMiyamin, noMahadiya, noBhilega,
6 noShemaya, noYoyaribhi, noYedaya,
7 noSalu, noAmoki, noHilekiya, noYedaya. Abo ibiziintloko zababingeleli nabazalwana babo, emihleni kaYeshuwa.
8 AbaLevi: ibinguYeshuwa, noBhinwi, noKademiyeli, noSherebhiya, noYuda, noMataniya obephethe imibulelo, yena nabazalwana bakhe;
9 noBhakebhukiya, noUni; abazalwana babo babemalunga nabo besezigxineni.
10 Ke uYeshuwa wazala uYoyakim; uYoyakim wazala uEliyashibhi; uEliyashibhi wazala uYoyada;
11 uYoyada wazala uYonatan; uYonatan wazala uYaduwa.
12 Ke emihleni kaYoyakim bekukho ababingeleli abaziintloko zezindlu zooyise: okaSeraya inguMeraya; okaYeremiya inguHananiya;
13 okaUEzra inguMeshulam; oka-Amariya inguYohanan;
14 okaMeliku inguYonatan; okaShebhaniya inguYosefu;
15 okaHarim inguAdena; okaMerayoti inguHelekayi;
16 okaIdo inguZekariya; okaGineton inguMeshulam;
17 oka-Abhiya inguZikri; okaMinyamin, okaMowadiya inguPiletayi;
18 okaBhilega inguShamuwa; okaShemaya inguYonatan;
19 okaYoyaribhi inguMatenayi; okaYedaya ingu-Uzi;
20 okaSalayi inguKalayi; oka-Amoki inguEbhere;
21 okaHilekiya inguHashabhiya; okaYedaya inguNataniyeli.
22 Malunga nabaLevi, ngemihla kaEliyashibhi, noYoyada, noYohanan, noYaduwa, kwabhalwa iintloko zezindlu zooyise; nezababingeleli, ebukumkanini bukaDariyo umPersi.
23 Oonyana bakaLevi, iintloko zezindlu zooyise, babebhalwa encwadini yemicimbi yemihla, kwada kweza nasemihleni kaYohanan unyana kaEliyashibhi.
24 Ke iintloko zabaLevi: ibinguHashabhiya, noSherebhiya, noYeshuwa unyana kaKademiyeli, nabazalwana babo malungana nabo, ukuba badumise, babulele, ngokomthetho kaDavide umfo wakwaThixo, iqela lilunge neqela;
25 inguMataniya, noBhakebhukiya, no-Obhadiya, noMeshulam, noTalemon, noAkubhi babengabamasango, begcina isigxina koovimba bamasango.
26 Abo babekho emihleni kaYoyakim unyana kaYeshuwa, unyana kaYotsadaki, nasemihleni kaNehemiya ibamba, noUEzra umbingeleli, umbhali.
27 Ke kaloku ekusungulweni kodonga lweYerusalem kwafunwa abaLevi ezindaweni zabo zonke, ukuba baziswe eYerusalem, ukuba ukusungulwa kwalo kwenziwe ngovuyo, nangemibulelo, nangeengoma, nangamacangci, nangemirhubhe, nangeehadi.
28 Bahlanganisana oonyana beemvumi, bevela kuloo mmandla ujikeleze iYerusalem, nasemizini yamaNetofa;
29 naseBhete yaseGiligali, nasemihlabeni yaseGebha, neAzemavete; ngokuba iimvumi zazizakhele imizi ejikeleze iYerusalem.
30 Bazihlambulula ababingeleli nabaLevi, bahlambulula abantu, namasango, nodonga olo.
31 Ndabanyusa abathetheli bakwaYuda phezu kodonga, ndamisa amaqela amakhulu amabini okubulela, enza imityino, elinye lasinga ekunene phezu kodonga esangweni lenkunkuma.
32 Emva kwalo kwahamba uHoshaya nesiqingatha sabathetheli bakwaYuda,
33 noAzariya, noEzra, noMeshulam,
34 noYuda, noBhenjamin, noShemaya, noYeremiya.
35 Koonyana bababingeleli benamaxilongo yayinguZekariya unyana kaYonatan, unyana kaShemaya, unyana kaMataniya, unyana kaMikaya, unyana kaZakure, unyana ka-Asafu;
36 nabazalwana bakhe: ooShemaya, noAzareli, noMilalayi, noGilalayi, noMahayi, noNataniyeli, noYuda, noHanani, beneempahla zokuvuma zikaDavide umfo wakwaThixo; ke uUEzra umbhali ebephambi kwabo.
37 Basinga esangweni lomthombo, bathi ngqo, benyuka ngezinyuko zomzi kaDavide, ekunyukeni kodonga bayongamela indlu kaDavide, besa esangweni lamanzi ngasempumalanga.
38 Iqela lesibini lokubulela elahamba malunga nelo, ndingasemva kwalo, ndinesinye isiqingatha sabantu, lahamba phezu kodonga, layongamela inqaba ende yamaziko, lesa eludongeni olubanzi;
39 lasongamela isango lakwaEfrayim, nesango lodonga oludala, nesango leentlanzi, nenqaba ende kaHananeli, nenqaba ende kaHameha, lada leza esangweni lempahla emfutshane, bamisa esangweni lentolongo.
40 Ema ke omabini amaqela okubulela endlwini kaThixo, mna ndinesiqingatha sabaphathi;
41 nababingeleli, ooEliyakim, noMahaseya, noMinyamin, noMikaya, noEliyohenayi, noZekariya, noHananiya, benamaxilongo;
42 noMahaseya, noShemaya, noEleyazare, noUzi, noYohanan, noMalekiya, noElam, noEzere. Iimvumi zavuma kakhulu, uYezeraya engumphathi wazo.
43 Babingelela ngaloo mini imibingelelo emikhulu, bavuya; ngokuba uThixo ubebavuyisile ngovuyo olukhulu. Kananjalo abafazi nabantwana bavuya; kwavakala ukuvuya kweYerusalem namgama.
44 Ngaloo mini kwamiswa amadoda okuphatha amagumbi okubangoovimba bemirhumo, neentlahlela, nezishumi, ukuba zifunjwe kuwo, ngokwemihlaba yemizi, izabelo ezimiselwe ababingeleli nabaLevi ngomyalelo; ngokuba amaYuda abevuya ngababingeleli nangabaLevi abemiyo.
45 Basigcina isigxina sikaThixo wabo, nesigxina sentlambululo; zenjenjalo iimvumi nabamasango, ngokomthetho kaDavide, noSolomon unyana wakhe;
46 ngokuba ngemihla kaDavide, kwakudala, uAsafu ubeyintloko yeemvumi, neyokudumisa uThixo, neyokubulela kuye.
47 Onke amaSirayeli, ngemihla kaZerubhabheli nangemihla kaNehemiya, abe ezinika iimvumi nabamasango izabelo, into yemini ngangemini yayo, engcwalisela abaLevi, abaLevi bengcwalisela oonyana baka-Aron.