2 YeziKronike 2 Chronicles

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36


Isahluko 6

Waza wathi uSolomon, UYehova wathi uya kuhlala esithokothokweni.
2 Mna ke ndikwakhele indlu yokuhlala, indawo yokuba uhlale ngonaphakade.
3 Wee guququ ukumkani ngobuso, walisikelela lonke ibandla lakwaSirayeli; lonke ibandla lakwaSirayeli lema.
4 Wathi: Makabongwe uYehova uThixo kaSirayeli, owathethayo ngomlomo wakhe kuDavide ubawo, wakuzalisa ngesandla sakhe, esithi,
5 Kususela kwimini endabakhuphayo abantu bam ezweni lamaYiputa, andinyulanga mzi ezizweni zonke zakwaSirayeli wokwakha indlu, yokuba igama lam libe kuyo; andinyulanga ndoda yokuba yinganga yabantu bam amaSirayeli;
6 ndanyula iYerusalem, ukuba igama lam libe khona; ndanyula uDavide ukuba abe phezu kwabantu bam amaSirayeli.
7 Kwaye kukho entliziyweni kaDavide ubawo ukulakhela indlu igama likaYehova, uThixo kaSirayeli.
8 Wathi uYehova kuDavide ubawo, Ngenxa enokuba kwakukho entliziyweni yakho ukuthi ulakhele indlu igama lam, walungisa ngokuthi kubekho entliziyweni yakho oko;
9 noko ke indlu yona ayisayi kwakhiwa nguwe. Unyana wakho ophuma esinqeni sakho, nguye oya kulakhela indlu igama lam.
10 Ulimisile ke uYehova ilizwi lakhe awalithethayo; ndivelile esikhundleni sikaDavide ubawo, ndahlala etroneni yakwaSirayeli, njengoko wakuthethayo uYehova; ndalakhela indlu igama likaYehova uThixo kaSirayeli;
11 ndayibeka khona ityeya, apho ukhona umnqophiso kaYehova, awawenzayo noonyana bakaSirayeli.
12 Wema ke uSolomon phambi kwesibingelelo sikaYehova, phambi kwebandla lonke lakwaSirayeli, wazolula izandla zakhe
13 (ngokuba uSolomon wayenze itheko lobhedu, walibeka esazulwini sentendelezo, laziikubhite ezintlanu ubude balo, iikubhite ezintlanu ububanzi balo, iikubhite ezintathu ukuphakama kwalo; wema phezu kwalo, waguqa ngamadolo phambi kwebandla lonke lamaSirayeli, wazolulela ezulwini izandla zakhe);
14 wathi: Yehova, Thixo kaSirayeli, akukho Thixo unjengawe emazulwini nasehlabathini; ubagcinelayo umnqophiso nenceba abakhonzi bakho, abahamba phambi kwakho ngentliziyo yabo yonke;
15 wena umgcineleyo umkhonzi wakho uDavide ubawo oko wakuthethayo kuye, wakuthetha ngomlomo wakho, wakuzalisa ngesandla sakho, njengoko kunjalo namhla.
16 Kaloku, Yehova, Thixo kaSirayeli, mgcinele umkhonzi wakho, uDavide ubawo, oko wakuthethayo kuye, usithi, Ebusweni bam akuyi kunqunyukelwa ndoda yakuhlala etroneni yakwaSirayeli: ukuba kodwa bathe oonyana bakho bayigcina indlela yabo, bahamba ngomyalelo wam, njengokuba uhambile wena phambi kwam.
17 Kaloku, Yehova, Thixo kaSirayeli, makanyaniseke amazwi akho, owawathethayo kumkhonzi wakho uDavide.
18 Gxebe, uThixo angade ahlale nabantu emhlabeni na? Yabona izulu, izulu lawo amazulu, alikulingene; hina ke, yona le ndlu ndiyakhileyo!
19 Noko ke kunonelele ukuthandaza komkhonzi wakho nokutarhuzisa kwakhe, Yehova Thixo wam, ukuphulaphule ukumemelela nokuthandaza athandaza ngako umkhonzi wakho phambi kwakho;
20 ukuba amehlo akho akhangele kule ndlu imini nobusuku, kwindawo othe uya kulibeka kuyo igama lakho, uphulaphule umthandazo athandaza ngawo umkhonzi wakho kule ndawo.
21 Phulaphula ukutarhuzisa komkhonzi wakho, nabantu bakho amaSirayeli, abaya kuthandaza ngako kule ndawo; uve ke wena endaweni ohlala kuyo emazulwini, uve ke, uxolele.
22 Xa athe umntu wona ummelwane wakhe, wathwaliswa isifungo, wafungiswa, weza wafunga phambi kwesibingelelo sakho kule ndlu:
23 yiva ke wena emazulwini, wenze ugwebe kubakhonzi bakho, umbuyisele ongendawo, uyibeke indlela yakhe entlokweni yakhe; umgwebele olilungisa, umnike ngokobulungisa bakhe.
24 Ukuba bathe abantu bakho amaSirayeli boyiswa ziintshaba zabo kuba bekonile, baza babuya balivuma igama lakho, bathandaza, batarhuzisa phambi kwakho kule ndlu:
25 yiva ke wena emazulwini, usixolele isono sabantu bakho amaSirayeli, ubabuyisele emhlabeni owawunika bona nooyise.
26 Xa lithe izulu lavalwa, akwabakho mvula kuba bekonile, baza bathandaza bekule ndawo, balivuma igama lakho, babuya esonweni sabo, ngokuba ubacinezele:
27 yiva ke wena emazulwini, usixolele isono sabakhonzi bakho, abantu bakho amaSirayeli, ngokuba ubafundisa indlela elungileyo abaya kuhamba ngayo, unise imvula ezweni lakho, olinike abantu bakho ukuba libe lilifa.
28 Xa kuthe kwabakho indlala elizweni, xa kuthe kwabakho indyikitya yokufa, xa kuthe kwabakho imbabala, nexoshomba, neenkumbi ezinqunquthayo; xa zithe iintshaba zabangqinga elizweni, emizini yabo; nokuba sisiphi isibetho, nokuba sisiphi isifo esithe sabakho;
29 ukuthandaza nokutarhuzisa nokuba kukuphi, okuthe kwenziwa ngubani, nokuba ngabantu bakho bonke amaSirayeli, abathe basazi elowo isibetho sakhe, nesingqala sakhe, bazolulela kule ndlu izandla zabo;
30 yiva ke wena emazulwini, endaweni ohlala kuyo, uxolele, umnike elowo ngokweendlela zakhe zonke, ngokuyazi kwakho intliziyo yakhe (ngokuba nguwe wedwa ozaziyo iintliziyo zoonyana babantu);
31 ukuze bakoyike, bahambe ngeendlela zakho, yonke imihla abahleli ngayo ezweni owalinika oobawo.
32 Kananjalo owolunye uhlanga ongengowabantu bakho amaSirayeli, xa athe wavela ezweni elikude ngenxa yegama lakho elikhulu, nesandla sakho esithe nkqi, nengalo yakho eyolukileyo; beza bathandaza bekule ndlu:
33 yiva ke wena emazulwini, endaweni ohlala kuyo, wenze ngako konke athe wakunqula owolunye uhlanga, ukuze zonke izizwe zehlabathi zilazi igama lakho, zikoyike njengabantu bakho amaSirayeli, zazi ukuba le ndlu ndiyakhileyo ibizwa ngegama lakho.
34 Xa bathe abantu bakho baphuma, baya kulwa neentshaba zabo, ngendlela obathume ngayo, bathandaza kuwe, bebhekisa kulo mzi uwunyulileyo, nakule ndlu ndiyakhele igama lakho:
35 yiva ke emazulwini umthandazo wabo, nokutarhuzisa kwabo, ubagwebele.
36 Xa bathe bakona (ngokuba akukho mntu ungoniyo), waba nomsindo, wabanikela elutshabeni, bathi abathimbi babathimba, babasa ezweni nokuba likude, nokuba likufuphi;
37 baza bakunyamekela oko ngentliziyo kwelo zwe bathinjelwe kulo, babuya batarhuzisa kuwe ezweni lababathimbileyo, besithi, Sonile, sagwenxa, senza okungendawo;
38 babuyela kuwe ngentliziyo yabo yonke, nangomphefumlo wabo wonke, bekwelo zwe labathimbi ababathimbileyo, bathandaza, babhekisa elizweni labo owalinika ooyise, kulo mzi uwunyulileyo, kule ndlu ndiyakhele igama lakho:
39 yiva ke emazulwini, endaweni ohlala kuyo, umthandazo wabo nokutarhuzisa kwabo, ubagwebele, ubaxolele abantu bakho abakonileyo.
40 Kaloku, Thixo wam, makavuleke amehlo akho, iindlebe zakho zibazele ukuthandaza okukule ndawo.
41 Kaloku, Yehova Thixo, phakamela endaweni yokuphumla kwakho, wena netyeya yamandla akho. Ababingeleli bakho, Yehova Thixo, mabambathe usindiso, abakho benceba bavuye ngokulungileyo.
42 Yehova, Thixo, musa ukumlandulela umthanjiswa wakho: khumbula iinceba owazithembisa uDavide, umkhonzi wakho.