1 YooKumkani

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22


Isahluko 20

Ke kaloku uBhen-hadade, ukumkani wama-Aram, wayibutha yonke impi yakhe; enokumkani abangamashumi amathathu anababini, namahashe, neenqwelo zokulwa; wenyuka, wawungqinga umzi wakwaSamari, walwa nawo.
2 Wathumela abathunywa kuAhabhi, ukumkani wakwaSirayeli, kuloo mzi, wathi kuye,
3 Utsho uBhen-hadade ukuthi, Isilivere yakho negolide yakho yeyam, nabafazi bakho nabantwana bakho abo bahle ngabam.
4 Waphendula ukumkani wakwaSirayeli, wathi, Ngokwelizwi lakho, nkosi yam, kumkani, ndingowakho, nako konke endinako.
5 Baphinda abathunywa, bathi, Utsho uBhen-hadade ukuthi, Ndathumela kuwe, ndisithi, ndinike isilivere yakho, negolide yakho, nabafazi bakho, nabantwana bakho;
6 ukuba ndithe, mayela neli xa ngomso, ndabathumela kuwe abakhonzi bam, bayigquthagqutha indlu yakho, nezindlu zabakhonzi bakho: bothi, konke okuthandekayo emehlweni akho bakuthabathe ngesandla sabo, bemke nako.
7 Ukumkani wakwaSirayeli wabiza onke amadoda amakhulu elizwe, wathi, Qondani ke nibone, ukuba lo ungxamele ububi; ngokuba ubethumele kum, ebiza abafazi bam, nabantwana bam, nesilivere yam, negolide yam; andamangala.
8 Athi kuye onke amadoda amakhulu nabantu bonke, Musa ukuphulaphula, uze ungavumi.
9 Wathi ke kubathunywa bakaBhen-hadade, Nothi enkosini yam ukumkani, Yonke into obumthume yona umkhonzi wakho ngokokuqala, ndoyenza; le nto yona andinakuyenza. Bemka ke abathunywa, babuya nelo lizwi.
10 Wathumela uBhen-hadade kuye, wathi, Mabenjenje oothixo kum, baqokele ukwenjenje, ukuba luthe uthuli lwakwaSamari lwalingana ukuzalisa izandla zabantu bonke abandilandelayo.
11 Waphendula ukumkani wakwaSirayeli, wathi, Yithini, Makangaqhayisi osabhinqa ikrele, njengoselelikhulula.
12 Kwathi, akuliva elo zwi uBhen-hadade, akubon’ ukuba uyasela, yena nokumkani abo eminqubeni, wathi kubakhonzi bakhe, Yakhani uluhlu. Balwakha ke uluhlu kuloo mzi.
13 Kwabonakala mprofeti uthile, wafika kuAhabhi ukumkani wakwaSirayeli, wathi, Utsho uYehova ukuthi, Uyibonile na yonke le ngxokolo ingakanana? Yabona ndiyinikele esandleni sakho namhla; wazi ukuba ndinguYehova.
14 Wathi ke uAhabhi, Ngabani na? Wathi yena, Utsho uYehova ukuthi, Ngamadodana abathetheli bamazwe. Wathi, Ngubani na oya kuqala ukulwa? Wathi, Nguwe lo.
15 Wawabala ke amadodana abathetheli bamazwe, aba ngamakhulu amabini anamanci mathathu anamabini; emva kwawo wababala bonke abantu; bonke oonyana bakaSirayeli baba ngamawaka asixhenxe.
16 Baphuma emini enkulu. Ke kaloku uBhen-hadade ubesela, enxila eminqubeni, yena nookumkani abamashumi mathathu anababini, ookumkani abo bamncedisayo.
17 Aphuma kuqala amadodana abathetheli bamazwe. Wathumela uBhen-hadade, bamxelela, besithi, Kuphume amadoda kwaSamari.
18 Wathi, Nokuba aphumele uxolo, wabambeni ehleli; nokuba aphumele ukulwa, wabambeni ehleli.
19 Aphuma ke la madodana abathetheli bamazwe kuwo umzi, nempi ebiwalandela.
20 Yaba ngulowo wabulala umntu; asaba ke ama-Aram; amaSirayeli awasukela. Wasinda uBhen-hadade ukumkani wakwa-Aram ngehashe, enabamahashe.
21 Waphuma ukumkani wakwaSirayeli, wawaxabela amahashe neenqwelo zokulwa; waxabela phakathi kwama-Aram ngoxabelo olukhulu.
22 Wafika umprofeti lowa kukumkani wakwaSirayeli, wathi kuye, Hamba uye kuzomeleza, ukuqonde ukubone okwenzayo; ngokuba ukuvela komnyaka, ukumkani wakwa-Aram uya kunyuka alwe nawe.
23 Ke kaloku abakhonzi bokumkani bakwa-Aram bathi kuye, Ngoothixo basezintabeni oothixo babo, kuko le nto bomeleleyo kunathi; masilwe nabo ke emathafeni, ukuba asisayi komelela na kunabo.
24 Yenza le nto: bashenxise ookumkani aba, elowo endaweni yakhe, umise amabamba ezikhundleni zabo;
25 uzibalele impi engangempi le iwileyo kuwe, amahashe abe ngangaloo mahashe, iinqwelo zokulwa zibe ngangezo nqwelo zokulwa, silwe nabo ke emathafeni, ukuba asisayi komelela na kunabo. Waliphulaphula izwi labo, wenjenjalo.
26 Kwathi, ekuveleni komnyaka, wawabala uBhen-hadade ama-Aram, wenyuka waya kulwa namaSirayeli eAfeki.
27 Babalwa oonyana bakaSirayeli, baxhotyiswa baya kubahlangabeza. Bamisa oonyana bakaSirayeli phambi kwabo, benjengemihlanjana emibini yeebhokhwe; ama-Aram alizalisa ilizwe.
28 Wafika umfo wakwaThixo, wathi kukumkani wamaSirayeli, Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba ethe ama-Aram, Nguthixo wasezintabeni uYehova, akanguthixo wasezintilini, ndiya kuyinikela esandleni sakho yonke le ngxokolo ingaka, nazi ukuba ndinguYehova.
29 Yamisa ke, ikhangelene, imihla esixhenxe. Kwathi ngomhla wesixhenxe, yadibana. Oonyana bakaSirayeli babulala kuma-Aram ikhulu lamawaka kumqikela ngamini-nye.
30 Aseleyo asabela eAfeki, ela phakathi komzi. Kwawa udonga phezu kwamawaka angamashumi amabini anamawaka asixhenxe amadoda aseleyo. Wasaba uBhen-hadade, wangena kuloo mzi, wathungela amagumbi.
31 Bathi kuye abakhonzi bakhe, Khawukhangele, sivile ukuba ookumkani bendlu yakwaSirayeli ngookumkani abanenceba. Makhe sibeke iingubo ezirhwexayo emanqeni, neentambo ezintlokweni zethu, siphume siye kukumkani wamaSirayeli; mhlawumbi wowusindisa umphefumlo wakho.
32 Babhinqa ke iingubo ezirhwexayo emanqeni, babeka iintambo ezintlokweni zabo, baya kukumkani wakwaSirayeli, bathi, Umkhonzi wakho uBhen-hadade uthi, Khawusindise umphefumlo wam. Wathi yena, Usaphilile na? Ngumzalwana wam.
33 Loo madoda ke athi lithamsanqa, angxamisa ukumrhwebesha, ukuba elo lelakhe na, athi, Ngumzalwana wakho uBhen-hadade. Wathi yena, Yiyani kumthabatha.
34 Waphuma uBhen-hadade weza kuye; wamkhwelisa enqwelweni. Wathi uBhen-hadade, kuye, Imizi awayithabathayo ubawo kuyihlo ndiya kuyibuyisa; uzenzele izitrato eDamasko, njengoko wazenzayo ubawo kwaSamari. Wathi uAhabhi, Ndiya kukundulula nalo mnqophiso. Wamenzela ke umnqophiso, wamndulula.
35 Ke kaloku indoda ethile yakoonyana babaprofeti yathi kummelwane wayo ngelizwi likaYehova, Khawundibethe. Akavuma loo mntu ukuyibetha.
36 Yathi kuye, Ngenxa yokuba ungaliphulaphulanga ilizwi likaYehova, uyabona, ekumkeni kwakho kum uya kubulawa yingonyama. Wemka kuyo; yamfumana ingonyama, yambulala.
37 Yafumana mntu wumbi, yathi, Khawundibethe, Wayibetha ke loo mntu, wayibetha wayilimaza.
38 Wahamba umprofeti lowo, wamlinda ukumkani endleleni, wazenza mntu wumbi ngokubopha iqhiya emehlweni.
39 Kwathi, akubona ukuba uyadlula ukumkani, wamemeza kukumkani, wathi, Umkhonzi wakho lo waphuma waya emfazweni phakathi; nanko kutyeka indoda, yeza nomntu kum, yathi, Gcina lo mntu; ukuba uthe akabakho, umphefumlo wakho woba sesikhundleni somphefumlo wakhe, okanye wohlawula ngetalente yesilivere.
40 Akuba esebenza umkhonzi wakho lo apha naphaya, wesuka wathi shwaka. Wathi ke ukumkani wakwaSirayeli kuye, Sinjalo isigwebo sakho; umise wagqiba.
41 Wakhawuleza, wayisusa iqhiya emehlweni akhe. Wamazi ukumkani wakwaSirayeli, ukuba ungowasebaprofetini.
42 Wathi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yokundulula kwakho esandleni indoda endayisingela phantsi, umphefumlo wakho uya kuba sesikhundleni somphefumlo wayo, nabantu bakho babe sesikhundleni sabantu bayo.
43 Waya ukumkani wakwaSirayeli endlwini yakhe, ubuso ebuthe nkwa, ejalile, wafika kwaSamari.