1 KaSamuweli

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31


Isahluko 14

Kwathi ngamhla uthile, uYonatan unyana kaSawule wathi kumfana ophatha iintonga zakhe, Hamba siphumele, siye ekampini yamaFilisti ephesheya phaya. Akamxelela uyise.
2 USawule ke wayehleli ekupheleni kweGibheha phantsi komrharnate oseMigron. Abantu ababenaye babekumakhulu amathandathu amadoda,
3 enoAhiya, unyana ka-Ahitubhi, umkhuluwa kaIkabhodi, unyana kaPinehasi, unyana kaEli, umbingeleli kaYehova eShilo, enxibe iefodi. Bebengazi abantu ukuba uYonatan uyile.
4 Ezingxingweni, abefuna ukuphumela kuzo uYonatan, aye ekampini yamaFilisti, bekukho itsolo lengxondorha ngapha; kukho itsolo lengxondorha ngaphaya; igama lelinye libe linguBhotsetse, igama lelinye linguSene.
5 Okunye ukutsola bekuyintsika ngasentla malunga neMikmas, okunye kungasezantsi malunga neGibheha.
6 Wathi ke uYonatan kumfana lowo uphatha iintonga zakhe, Hamba siphumele, siye ekampini yaba bangalukileyo; mhlawumbi uYehova wosisebenzela; ngokuba akukho sithintelo kuYehova ukuba asindise ngabaninzi nangabambalwa.
7 Wathi umphathi weentonga zakhe kuye, Yenza konke okusentliziyweni yakho; singa phaya; yabona, ndinawe ngokwentliziyo yakho.
8 Wathi uYonatan, Yabona, siyaphumela, siya kulaa madoda, siya kuzibonakalisa kuwo.
9 Ukuba athe kuthi, Hlalani, side size kuni; siya kuma kuloo ndawo yethu, singenyuki siye kuwo.
10 Ukuba athe, Nyukani nize kuthi: sonyuka, ngokuba uYehova uwanikele esandleni sethu; lowo woba ngumqondiso kuthi.
11 Bazibonakalisa bobabini ekampini yamaFilisti; athi amaFilisti, Nanga amaHebhere ephuma emingxunyeni abezimele kuyo.
12 Abaphendula amadoda asekampini ooYonatan nomphathi weentonga zakhe, athi, Nyukani nize kuthi, sinibonise. Wathi uYonatan kumphathi weentonga zakhe, Nyuka emva kwam; ngokuba uYehova uwanikele esandleni samaSirayeli.
13 Wenyuka uYonatan, ekhasa ngezandla neenyawo, umphathi weentonga zakhe esemva kwakhe. Awa phambi koYonatan; nomphathi weentonga zakhe esemva kwakhe ebulala.
14 Kwathi, ukuxabela kokuqala awaxabela ngako uYonatan nomphathi weentonga zakhe, kwaxatyelwa amadoda angathi amashumi mabini, esiqingatheni sendima eyiakile yentsimi.
15 Kwabakho umothuko emkhosini, nasezindle, nasebantwini bonke; ikampu namatutu bothuka nabo; wanyikima umhlaba; yaba sisothuso esivela kuThixo.
16 Bakhangela ababoniseli bakaSawule, baseGibheha yakwaBhenjamin, nantso ingxokolo inyibilika; yaye ichithana yodwa.
17 Wathi uSawule ebantwini ababenaye, Khanibale, nibone ukuba ngubani na ongekhoyo kuthi. Babala; yini? akakho uYonatan nomphathi weentonga zakhe.
18 Wathi usawule kuAhiya, Zisa apha ityeya kaThixo; ngokuba ityeya kaThixo ibinoonyana bakaSirayeli ngaloo mini.
19 Kwathi, esathetha uSawule kumbingeleli, ingxokozelo yempi yamaFilisti yaya ikhula. Wathi uSawule kumbingeleli, Sibuyise umva isandla sakho.
20 Bahlanganisana uSawule nabantu bonke ababenaye, baya kulwa; nalo ikrele lomntu limi kummelwane wakhe, isisaqunge esikhulu.
21 Ke kaloku athi namaHebhere abekumaFilisti njengaphambili, abenyuke ngeenxa zonke, eza nawo emkhosini, esuka aphamba nawo, angakumaSirayeli la abenoSawule noYonatan.
22 Kwanamadoda onke akwaSirayeli, abezimele kweleentaba lakwaEfrayim, eva ukuba amaFilisti asabile, awalandela athana mbende nawo ekulweni.
23 UYehova wawasindisa ke amaSirayeli ngaloo mini. Ukulwa kwegqitha eBhetaven.
24 Amadoda akwaSirayeli ayeminyekile kukudinwa ngaloo mini. USawule wabafungisa abantu, esithi, Uqalekisiwe odla isonka kungekahlwi, ndide ndiziphindezelele ezintshabeni zam. Bonke abantu abadla nento.
25 Lonke ilizwe leza ehlathini; kwaye kukho ubusi phezu komhlaba.
26 Bafika abantu ehlathini, nanko kuvuza ubusi. Akwabakho usa isandla emlonyeni wakhe; ngokuba abantu babesoyika isifungo.
27 Ke uYonatan ubengamvanga uyise, ukubafungisa kwakhe abantu, wesa incam yentonga ebisesandleni sakhe, wayifaka enqatheni lobusi, wasibuyisela emlonyeni wakhe isandla sakhe; aqabuka amehlo akhe.
28 Yaphendula indoda yasebantwini, yathi, Uyihlo ubafungisile wabafungisa abantu, esithi, Uqalekisiwe odla isonka, namhlanje. Babethe ncithi abantu liphango.
29 Wathi uYonatan, Ubawo ulihlisele ishwangusha ilizwe; khanikhangele, amehlo am aqabukile, ngokuba ndive le ntwana yobusi.
30 Ukuba babethe abantu badla, besidla namhla emaxhobeni eentshaba zabo abawafumeneyo, ngelubeke phi na ke ukugqithisela ukuba lukhulu ngoku uxabelo kumaFilisti?
31 Bawaxabela ngaloo mini amaFilisti, bathabathela eMikmas besa eAyalon; betyhafile kunene abantu.
32 Baziphosa abantu emaxhobeni, bathabatha impahla emfutshane, neenkomo, namathole eenkomo, baxhelela emhlabeni, abantu bayidla inegazi.
33 Waxelelwa uSawule, kwathiwa, Uyabona, abantu bayona kuYehova ngokuyidla inegazi. Wathi, Nitshinizile; qengqelani kum ilitye elikhulu ngoku.
34 Wathi uSawule, Yithini saa phakathi kwabantu, nithi kubo, Zisani kum elowo inkomo yakhe, elowo igusha yakhe, nixhelele apha, nidle; ningoni kuYehova ngokuyidla inegazi. Bonke abantu bazisa elowo inkomo yakhe ngesandla sakhe ngobo busuku, baxhelela khona.
35 USawule wakha isibingelelo kuYehova, waqala ngaso ukwakha isibingelelo kuYehova.
36 Wathi uSawule, Masihle siwaphuthume amaFilisti ebusuku, siwaphange kude kuse ngomso, singashiyi mntu kuwo. Bathi, Yenza konke okulungileyo emehlweni akho. Wathi umbingeleli, Masisondele kuThixo apha.
37 USawule wabuza kuThixo, esithi, Ndihle ndiwalandele na amaFilisti? Wowanikela na esandleni samaSirayeli? Akamphendula loo mini.
38 Wathi uSawule, Yizani apha, nonke nina zibonda zabantu, nazi, nibone ukuba sikwini na esi sono namhlanje?
39 Ngokuba ehleli nje uYehova osindise amaSirayeli, nokuba sibe sikuYonatan unyana wam, ubeya kufa. Akwabakho umphendulayo ebantwini bonke.
40 Wathi kumaSirayeli onke, Yibani ngelinye icala nina, ndibe ngelinye icala, mna noYonatan unyana wam. Bathi abantu kuSawule, Yenza okulungileyo emehlweni akho.
41 Wathi uSawule kuYehova, Thixo kaSirayeli, velisa inyaniso. Kwathatyathwa ke uYonatan noSawule, basinda abantu.
42 Wathi uSawule, Yenzani amaqashiso kum noYonatan unyana wam. Kwathatyathwa ke uYonatan.
43 Wathi uSawule kuYonatan, Ndixelele, yintoni na le nto uyenzileyo? UYonatan wamxelela, wathi, Ndisuke ndeva intwana yobusi ngencam yentonga ebisesandleni sam; nanku ndiya kufa.
44 Wathi uSawule, UThixo makenjenje kum, aqokele ukwenjenje; inene, ukufa uya kufa, Yonatan.
45 Bathi abantu kuSawule, Afe na uYonatan, owenze olu lusindiso lukhulu kwaSirayeli? Makube lee oko! Ehleli nje uYehova, akusayi kuwa nonwele lwentloko yakhe emhlabeni; ngokuba usebenzisene noThixo namhla. Bamkhulula ke abantu uYonatan, akafa.
46 Wenyuka uSawule ekuwalandeleni amaFilisti; athi amaFilisti aya kuloo ndawo yawo.
47 Wabuthabatha ke uSawule ubukumkani bakwaSirayeli; walwa ngeenxa zonke neentshaba zakhe zonke, amaMowabhi, noonyana baka-Amon, namaEdom nookumkani baseTsobha, namaFilisti; wathi, ezindaweni zonke abheka kuzo, wawatyela.
48 Wavelisa amandla, wawaxabela ama-Amaleki, wawahlangula amaSirayeli esandleni sabo babewaphanga.
49 Ke kaloku oonyana bakaSawule bebengooYonatan, noIshevi, noMalekishuwa. Ke amagama eentombi zakhe zombini ngawo la: igama leyamazibulo nguMerabhi, igama lenci nguMikali.
50 Igama lomkaSawule belinguAhinowam, intombi ka-Ahimahatse. Igama lomthetheli womkhosi wakhe belinguAbhinere, unyana kaNere, uyisekazi kaSawule.
51 Uyise kaSawule ubenguKishe; uNere, uyise ka-Abhinere, wayengunyana ka-Abhiyeli.
52 Kwaye kunzima ukulwa namaFilisti yonke imihla kaSawule; ngoko uSawule ubesithi akubona indoda eligorha nokuba yiyiphi, nendoda enobukroti nokuba yiyiphi, ayithabathele kuye.