URute

1 2 3 4


Isahluko 3

Wathi uNahomi uninazala kuye, Ntombi yam, ndingakufuneli na ukuphumla okokulungela?
2 Kaloku akasihlobo sethu na uBhohazi, lowo umthinjana ubunawo? Nanko esela irhasi ngobu busuku esandeni.
3 Zihlambe, uthambise, unxibe iingubo zakho, uhle uye esandeni. Uze ungazazisi endodeni leyo, ide igqibe ukudla nokusela.
4 Wothi, ukulala kwayo phantsi, uqonde indawo eye kulala kuyo, uye uyityhile ingubo ngasezinyaweni zayo, ulale phantsi; yokuxelela ke yona into owoyenza.
5 Wathi kuye, Yonke into oyithethayo ndoyenza.
6 Wehla ke waya esandeni, wenza ngako konke abemwisele umthetho ngako uninazala.
7 Wadla uBhohazi, wasela, yachwayitha intliziyo yakhe; waya walala phantsi ekupheleni kwentlaba. Waya ke ecotha, wamtyhila ingubo ngasezinyaweni zakhe, walala phantsi.
8 Kwathi phakathi kobusuku, yothuka indoda leyo, yaguquka, yabona kulele inkazana ngasezinyaweni zayo.
9 Yathi, Ungubani? Wathi, NdinguRute, umkhonzazana wakho; twabulula isondo lengubo yakho phezu komkhonzazana wakho, ngokuba ungumkhululi wena.
10 Yathi, Usikelelwe nguYehova, ntombi yam. Inceba yakho yamva nje ingaphezu kweyokuqala, ungalandelanga madodana nje, nokuba ngasweleyo nokuba nganobutyebi.
11 Kaloku ke, ntombi yam, musa ukoyika; konke okuthethileyo ndokwenzela; ngokuba bonke abantu bomzi wakowethu bayazi ukuba uyinkazana enesidima.
12 Ewe! Kuyinene, ndingumkhululi inyaniso. Ke kukho umkhululi osondeleyo kuwe kunam.
13 Lala ngobu busuku; kothi kusasa, ukuba uthe wakukhulula ngentlawulelo, kulunge, makakukhulule ngentlawulelo; ke ukuba akathanga akunanze ukukukhulula ngentlawulelo, ndokukhulula ngentlawulelo mna, ehleli nje uYehova. Lala kude kuse.
14 Walala ke ngasezinyaweni zakhe kwada kwasa; wavuka bengekanakanani abantu. Yathi, Makungaziwa ukuba bekuze inkazana esandeni.
15 Yathi, Ethe ingubo yakho yokwaleka, ukhongozele. Wakhongozela ke ngayo. Yalinganisa izilinganiso zerhasi ezithandathu, yamthwalisa; wagoduka.
16 Waya kuninazala, wathi yena, Utheni, ntombi yam? Wamxelela konke emenzele khona indoda leyo.
17 Wathi, Indinike ezi zilinganiso zerhasi; ngokuba yayisithi, Musa ukuya kunyokozala ulambatha.
18 Wathi, Hlala, ntombi yam, ude wazi okuya kuhla; kuba indoda leyo ayiyi kuphumla, ingakuphelisanga oku namhla.