ILevitikus

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27


Isahluko 2

Ke xa ubani asondeza umsondezo ongumnikelo wokudla kuYehova, umsondezo wakhe lowo woba ngumgubo ocoliweyo, agalele ioli phezu kwawo, abeke intlaka emhlophe phezu kwawo.
2 Wowuzisa koonyana baka-Aron, ababingeleli, aze umbingeleli asube kuwo, azalise isandla sakhe emgubeni ocoliweyo naseolini apho, kunye nentlaka emhlophe yawo yonke, aqhumisele umbingeleli esibingelelweni ngesikhumbuzo sawo. Kukudla kwasemlilweni, livumba elithozamisayo kuYehova elo.
3 Okuseleyo komnikelo wokudla koba kokuka-Aron noonyana bakhe; iyingcwele kangcwele yasekudleni kwasemlilweni kukaYehova leyo.
4 Xa usondeza umsondezo ongumnikelo wokudla okosiweyo ezikweni lezonka, woba yimiqhathane engenagwele yomgubo ocoliweyo, egalelwe ioli, nezonkana ezisicaba ezingenagwele, ezithanjiswe ioli.
5 Ke ukuba umsondezo wakho ungumnikelo wokudla okungepani, woba ngumgubo ocoliweyo ongenagwele, ugalelwe ioli.
6 Wowuqhekeza ube ngamaqhekeza, ugalele ioli phezu kwawo: ngumnikelo wokudla ke lowo.
7 Ke ukuba umsondezo wakho ungumnikelo wokudla okuphekiweyo ngembiza, mawenziwe ngomgubo ocoliweyo, oneoli.
8 Uze uwuzise umnikelo wokudla owenziweyo ngezo nto kuYehova, uwusondeze kumbingeleli, awuse esibingelelweni;
9 asuse umbingeleli emnikelweni wokudla isikhumbuzo sawo, aqhumisele ngaso esibingelelweni. Kukudla kwasemlilweni, livumba elithozamisayo kuYehova elo.
10 Okuseleyo komnikelo wokudla koba kokuka-Aron noonyana bakhe; iyingcwele kangcwele yasekudleni kwasemlilweni kukaYehova.
11 Yonke iminikelo yokudla eniya kuyisondeza kuYehova, mayingenziwa ngagwele; kuba igwele lonke, nobusi bonke, aniyi kuqhumisela ngezo nto zibe kukudla kwasemlilweni kukaYehova.
12 Ningazisondeza kuYehova zibe ngumsondezo wokuqala; mazinganyuswa esibingelelweni, ukuba zibe livumba elithozamisayo.
13 Yonke imisondezo eyiminikelo yakho yokudla woyigalela ityuwa; uze umgavumi ukuba isweleke ityuwa yomnqophiso woThixo wakho eminikelweni yakho yokudla. Imisondezo yakho yonke woyisondeza inetyuwa.
14 Ukuba usondeza umnikelo wokudla wentlahlela kuYehova, oyinto esizilwayo ehle yavuthwa, wosondeza ikhweba, umnikelo wokudla wentlahlela yakho.
15 Uze uyibeke ioli phezu kwalo, ubeke nentlaka emhlophe phezu kwalo; ngumnikelo wokudla ke lowo.
16 Woqhumisela umbingeleli ngesikhumbuzo sawo kuloo nto yawo isizilwayo, nakwioli yawo, kunye nentlaka emhlophe yawo yonke. Kukudla kwasemlilweni kuYehova oko.