IEksodus

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40


Isahluko 21

Ngawo la amasiko oya kuwabeka phambi kwabo:
2 Xa uthe wazuza ikhoboka elingumHebhere, lokhonza iminyaka ibe mithandathu; lithi kowesixhenxe liphume likhululekile, lingahlawulelwanga.
3 Ukuba lithe leza lodwa, lophuma lodwa; ukuba belithe leza liyindoda enomfazi, umkalo wophuma nalo.
4 Ukuba ke inkosi yalo ithe yalizekela umfazi, walizalela oonyana, nokuba ziintombi: umfazi lowo nabantwana balo boba ngabenkosi yalo, liphume lona lodwa.
5 Ukuba lithe eli khoboka, Ndiyayithanda inkosi yam, nomkam, nabantwana bam, andiyi kuphuma ndikhululekile:
6 inkosi yalo leyo yolisondeza kuThixo, ilisondeze elucangweni, nokuba kusemgubasini, ilithumbuse indlebe ngenyatyhowa inkosi yalo, liyikhonze ngonaphakade.
7 Xa ke umntu athe wathengisa ngentombi yakhe, yaba likhobokazana, mayingaphumi ngokokuphuma kwamakhoboka lawo.
8 Ke ukuba ithe ayayikholisa inkosi yayo, ebizimisele yona, yoyivumela ukuba ikhululwe ngentlawulelo; ke ayiyi kuba nagunya lakuthengisa ngayo kubantu bolunye uhlanga, ukuba iyitshinizele.
9 Ukuba ithe yayimisela unyana wayo, yothi iyenze ngokwesiko leentombi zonke.
10 Ukuba ithe yamzekela omnye umfazi, mayingakunciphisi ukudla kwayo, nezambatho zayo, nokubalelwa kwayo.
11 Ukuba ayithanga izenze ezo zinto zontathu, mayiphume ingahlawulelwanga mali.
12 Othe wabetha umntu wafa, naye wobulawa afe.
13 Ke lowo ubengenanzondo, yanguThixo omqubisanise nesandla sakhe, ndokumisela indawo aya kusabela kuyo.
14 Xa ke umntu athe wagabadela ngakummelwane wakhe, wambulala ngobuqhophololo: uze umsuse nasesibingelelweni sam, afe.
15 Othe wabetha uyise, nokuba ngunina, wobulawa afe.
16 Othe weba umntu, nokuba uthengise ngaye, nokuba ufunyenwe esandleni sakhe, wobulawa afe.
17 Othe watshabhisa uyise, nokuba ngunina, wobulawa afe.
18 Xa athe abambana amadoda, yaza enye yambetha ummelwane wakhe ngelitye, nokuba kungengqindi, akafa, wesuka walala ngendlu:
19 ukuba uthe wavuka, wahamba phandle esimelela: mayingabi natyala leyo yambethayo, kodwa yomnika indleko yexesha lakhe, imphilise aphile.
20 Xa athe umntu wabetha isicaka sakhe, nokuba sisicakakazi sakhe ngentonga, safa ngesandla sakhe: sophindezelwa ngenene.
21 Kodwa ukuba sithe sahlala, asafa, usuku nokuba ziintsuku: makungaphindezelwa; kuba siyimali yakhe.
22 Xa athe amadoda abambana ngezihlwitha, agila umfazi emithi, waphuma isisu, akwenzakala nto noko: makahlawuliswe ngenene umfo lowo, njengoko iya kubeka phezu kwakhe indoda yaloo mfazi, arhole ngokwelizwi labahluli.
23 Ukuba uthe wenzakala, uze urhole umphefumlo ngomphefumlo,
24 iliso ngeliso, izinyo ngezinyo, isandla ngesandla, unyawo ngonyawo,
25 ukutshiswa ngokutshiswa, inxeba ngenxeba, umvumbo ngomvumbo.
26 Xa athe umntu wasibetha esweni isicaka sakhe, nokuba uthe wasibetha esweni isicakakazi sakhe, latyhaphaka: makasindulule sikhululekile ngenxa yeliso laso.
27 Ukuba uthe wakhumla izinyo lesicaka sakhe, nokuba lelesicakakazi sakhe: makasindulule sikhululekile ngenxa yezinyo laso.
28 Ke xa inkomo ithe yahlaba indoda, nokuba yinkazana, yafa: loo nkomo mayigityiselwe ngamatye, ingadliwa inyama yayo; umnininkomo woba msulwa.
29 Ke ukuba inkomo leyo ibihlaba kakade, waza waziswa umniniyo, akayigcina noko, yaza yabulala indoda, nokuba yinkazana: mayigityiselwe ngamatye inkomo leyo, kananjalo nomniniyo makabulawe.
30 Ukuba uthe wamiselwa intlawulo yokuzicamagushela, makayirhole akhulule umphefumlo wakhe, ngako konke akumiselweyo.
31 Nokuba ihlabe unyana, nokuba ihlabe intombi, makwenziwe kuye ngelo siko.
32 Ukuba inkomo yakhe ithe yahlaba isicaka, nokuba sisicakakazi, makarholele inkosi yaso iishekele zesilivere ezimashumi mathathu, inkomo yona igityiselwe ngamatye.
33 Xa umntu athe wavula umhadi, naxa umntu athe wemba umhadi, akawuvingca, kweyela inkomo, nokuba liesile, kuwo:
34 umninimhadi woyimisela, ambuyisele umniniyo ngemali, leyo ifileyo ibe yeyakhe.
35 Xa ithe inkomo yomntu yahlaba inkomo yommelwane wakhe, yafa, mabathengise ngenkomo leyo iphilileyo, bayahlule imali yayo; kananjalo mabayahlule leyo ifileyo.
36 Ukuba kwakusazeka ukuba inkomo leyo ibihlaba kakade, akayigcina umniniyo: makayimisele inkomo ngenkomo, leyo ifileyo ibe yeyakhe.