Dependency on the Lord
-  
IEksodus 14:13, 14 - 
Xa uthe waphuma waya kulwa neentshaba zakho, waza wabona amahashe neenqwelo zokulwa, abantu abaninzi kunawe, uze ungaboyiki; ngokuba unawe uYehova uThixo wakho, owakunyusayo ezweni laseYiputa.   
IDuteronomi 20:1 - 
And the LORD, he it is that doth go before thee; he will be with thee, he will not fail thee, neither forsake thee: fear not, neither be dismayed.  
IDuteronomi 31:8 - 
indoda inye kuni isukele iwaka; ngokuba uYehova uThixo wenu nguye onilwelayo, njengoko wakuthethayo kuni.   
UYoshuwa 23:10 - 
Iinyawo zabakhe benceba uya kuzigcina, Abangendawo badake ebumnyameni; Ngokuba indoda ayeyisi ngamandla.  
1 KaSamuweli 2:9 - 
Wathi ke uYonatan kumfana lowo uphatha iintonga zakhe, Hamba siphumele, siye ekampini yaba bangalukileyo; mhlawumbi uYehova wosisebenzela; ngokuba akukho sithintelo kuYehova ukuba asindise ngabaninzi nangabambalwa.   
1 KaSamuweli 14:6 - 
lazi lonke eli bandla, ukuba akungakrele, akungantshuntshe ukusindisa kukaYehova; ngokuba imfazwe yekaYehova; woninikela ke esandleni sethu.   
1 KaSamuweli 17:47 - 
Yomelelani nikhaliphe; musani ukoyika; musani ukuqhiphuka umbilini ngukumkani waseAsiriya, nayingxokolo yonke anayo, ngokuba baninzi abangakuthi, phezu kwabangakuye.Okunaye yingalo yenyama, okunathi nguYehova uThixo wethu, ukuba asincede, alwe amadabi ethu. Abantu bayama emazwini kaHezekiya ukumkani wakwaYuda.  
2 YeziKronike 32:7, 8 - 
Imikhondo yam ibambe iindlela zakho, Azashukuma iinyawo zam.   
iNdumiso 17:5 - 
Imikhondo yam ibambe iindlela zakho, Azashukuma iinyawo zam.  
iNdumiso 26:1 - 
Sincede kumbandezeli wethu; Alunto yanto usindiso lomntu.   
iNdumiso 60:11 - 
Thozamela kuThixo yedwa, mphefumlo wam, Ngokuba livela kuye ithemba lam.  
iNdumiso 62:5 - 
Hayi, uyolo lwabantu abamandla akuwe, Abakhumbula umendo oya eZiyon! Baya besomelela ngokomelela; Babonakala phambi koThixo eZiyon, bathi,  
iNdumiso 84:5, 7 - 
Akoyikiswa ziindaba ezimbi; Iqinisekile intliziyo yakhe, ikholose ngoYehova.Izimasekile intliziyo yakhe, akoyiki; Uya kuda ababonele ababandezeli bakhe.   
iNdumiso 112:7, 8 - 
Kulungile ukuzimela ngoYehova, Ngaphezu kokukholosa ngomntu. 
iNdumiso 118:8 - 
Ndivise kwakusasa inceba yakho, Ngokuba ndikholose ngawe. Ndazise indlela endiya kuhamba ngayo: Ngokuba ndiwuphakamisela kuwe umphefumlo wam.   
iNdumiso 143:8 - 
Kholosa ngoYehova ngentliziyo yakho yonke, Ungayami okwakho ukuqonda.Uze umazi yena ezindleleni zakho zonke; Wowulungelelanisa umendo wakho.   
miZekeliso 3:5, 6 - 
Ngokuba itsho iNkosi, uYehova oyiNgcwele kaSirayeli, ukuthi, Beniya kusindiswa kukubuya nakukuphumla; ebengabakhoyo amandla enu ngokuzola nangokukholosa; nasuka anavuma.   
Isaya 30:15 - 
Saphendula sathi kum, Nali ilizwi likaYehova kuZerubhabheli, lisithi, Akungabukroti, akungamandla; kungoMoya wam; utsho uYehova wemikhosi.  
UZekariya 4:6 - 
Umdiliya ndim, nina ningamasebe; lowo uhleli kum, ndibe mna ndihleli kuye, yena uthwala isiqhamo esininzi; ngokuba, ningekum, aninakwenza nto.   
UYohane 15:5 - 
Ngokuba konke okuzelweyo nguThixo kuyaleyisa ihlabathi; lulo ke olu uloyiso oluleyisayo ihlabathi, ukholo lwethu.  
1 UYohane 5:4