Rest and Vacations
-  
iNdumiso 3:5 - 
Usindiso lolukaYehova: Mayibe phezu kwabantu bakho intsikelelo yakho. (Phakamisani.)  
iNdumiso 4:8 - 
Akuyi koyikiswa zizothuso ebusuku, Nalutolo lubaleka emini;  
iNdumiso 91:5 - 
Nifumana nivuka kusasa, Nihlale nisebenza kude kube sebusuku, Nikudla ukudla kokubulaleka; Uyipha intanda yakhe, ilele ubuthongo. 
iNdumiso 127:2 - 
Ukuba uthe walala, akuyi kunkwantya; Wolala, bube mnandi ubuthongo bakho.   
miZekeliso 3:24 - 
Bumnandi ubuthongo bosebenzayo, nokuba incinane, nokuba ininzi into ayidlayo; ke intabalala yesityebi ayisivumeli ukuba silale buthongo.  
Ecclesiastes 5:12 - 
Lingena eluxolweni; baphumla ezililini zabo ababehambe ngokuthe gca.  
Isaya 57:2 - 
Makabongwe uYehova, obanike ukuphumla abantu bakhe amaSirayeli, njengoko konke wakuthethayo; akwaphalala nalinye ilizwi kuwo onke amazwi akhe alungileyo, awawathethayo ngoMoses umkhonzi wakhe.  
1 YooKumkani 8:56 - 
Wokholosa, ngokuba sekukho ithemba, Uhlole, ulale phantsi enkolosekweni;  
UYobhi 11:18 - 
Lingena eluxolweni; baphumla ezililini zabo ababehambe ngokuthe gca.  
Isaya 57:2 - 
Ukuba uthe walubuyisa unyawo lwakho kwisabatha, ukuba ungenzi okunanzileyo ngomhla wam ongcwele; wathi ukuyibiza isabatha isisonwabiso, ingcwele kaYehova; wathi inozuko, wayizukisa ke ngokungenzi iindlela zakho, ngokungafumani okunanzileyo, uthethe iintetho ezingeni:uya kwandula ukuziyolisa ngoYehova, ndikukhwelise emimangweni yomhlaba, ndikudlise ilifa likaYakobi uyihlo; kuba umlomo kaYehova uthethile.  
Isaya 58:13:14 - 
Ke ngoko nokuba niyadla, nokuba niyasela, nokuba nenza yiphi na into, zenzeleni uzuko lukaThixo izinto zonke.  
1 KwabaseKorinte 10:31 - 
Ngoko ke abantu bakaThixo balindwe luphumlo olunjengolwesabatha.Kuba lowo ungeneyo ekuphumleni kwakhe, naye ngokwakhe uphumle kuyo imisebenzi yakhe, njengoThixo kweyeyakhe.   
KumaHebhere 4:9, 10