uxolo
- 
Ke wena uya kuya kooyihlo unoxolo; ungcwatywe uyingwevu enkulu. 
IGenesis 15:15 - 
UYehova uya kubanika abantu bakhe amandla; UYehova uya kubasikelela abantu bakhe ngoxolo. 
IiNdumiso 29:11 - 
Suka ebubini, wenze okulungileyo; Funa uxolo, uluphuthume. 
IiNdumiso 34:14 - 
Ke bona abalulamileyo baya kulidla ilifa ilizwe, Baziyolise ngobuninzi boxolo. 
IiNdumiso 37:11 - 
Gcina ogqibeleleyo, ukhangele othe tye; Ngokuba izivela-mva zezomntu woxolo. 
IiNdumiso 37:37 - 
Banoxolo olukhulu abawuthandayo umyalelo wakho; Akukho sikhubekiso kubo. 
IiNdumiso 119:165 - 
Mna ndingowoxolo; Ke ndithi ndakuthetha, bona babe yimfazwe. 
IiNdumiso 120:7 - 
Ekukholisweni kukaYehova ziindlela zendoda, Uyixolelanisa neentshaba zayo nayo. 
ImiZekeliso 16:7 - 
ukuthanda kunexesha lako, ukuthiya kunexesha lako; kukho ixesha lemfazwe, kukho nexesha loxolo. 
EcclesiastesImiZekeliso 3:8 - 
Ngokuba sizalelwe umntwana, sinikwe unyana; ukuthethela kusesixhantini sakhe; igama lakhe kuthiwa nguMmangaliso, nguMcebisi, nguThixo oligorha, nguSonini-nanini, nguMthetheli woxolo, 
UIsaya 9:6 - 
Intliziyo ezimasekileyo uyayilondoloza, ixole ixolile; ngokuba ikholose ngawe. 
UIsaya 26:3 - 
Wothi umsebenzi wobulungisa ube luxolo, nokwenza kobulungisa kube kukuzola nokukholosa ngonaphakade; 
UIsaya 32:17 - 
Bonke abantwana bakho baya kuba ngabafundi bakaYehova, lube lukhulu uxolo lwabantwana bakho. 
UIsaya 54:13 - 
Kuba niya kuphuma ninovuyo, nithundezwe ninoxolo. Iintaba neenduli ziya kugqabhuka zimemelele phambi kwenu, imithi yasendle ibethe izandla. 
UIsaya 55:12 - 
Alukho uxolo kwabangendawo, utsho uThixo wam. 
UIsaya 57:21 - 
Abayazi indlela yoxolo, okusesikweni akukho emikhondweni yabo; bazijikajikile iindlela zabo; bonke abanyathela kuzo abalwazi uxolo. 
UIsaya 59:8 - 
Bakuphilisa kalula ukwaphuka kwentombi yabantu bam, besithi, Luxolo, luxolo; kungekho luxolo. 
UYeremiya 6:14 - 
Ngokuba ndiyazazi iingcinga endizicingayo ngani, utsho uYehova: iingcinga zoxolo, ezingezizo ezobubi; ukuba ndininike ikamva nethemba. 
UYeremiya 29:11 - 
ukuthi, Yabona, ndiwubopha ngezinto ezibotshwayo, eziphilisayo, ndibaphilise, ndibatyhilele ukuphuphuma koxolo nenyaniso. 
UYeremiya 33:6 - 
Kuyafika ukuxhalaba; bafuna uxolo, alukho. 
UHezekile 7:25 - 
abaprofeti bakwaSirayeli ababeprofeta ngeYerusalem, ababebona umbono woxolo, kungekho luxolo; itsho iNkosi uYehova. 
UHezekile 13:16 - 
Ngenxa yobuqhokolo bakhe, yoba nempumelelo inkohliso ngesandla sakhe, azenze mkhulu entliziyweni yakhe, abatshabalalise abaninzi ngokwalama, asukele phezulu kumthetheli wabathetheli, aphulwe, ke kungabi ngasandla. 
UDaniyeli 8:25 - 
Uya kungena ngokwalama nasezindaweni ezityebileyo zelizwe, enze abangakwenzanga ooyise, nooyise booyise. Uya kukwenza amachithi phakathi kwabo okuphangiweyo, namaxhoba, neempahla zazo, acinge iingcinga zakhe ngeenqaba okwexeshana. 
UDaniyeli 11:24 - 
Yabonani, zisezintabeni iinyawo zabashumayela iindaba ezilungileyo, abavakalisa usindiso. Yenza imithendeleko yakho, Yuda, zalisa izibhambathiso zakho; ngokuba akasayi kubuya acande kuwe olitshijolo; unqunyulwe kwaphela. 
UNahum 1:15 - 
Umnqophiso wam ubunaye uLevi, ububomi noxolo; ndamnika ezo zinto ukuba oyike. Wandoyika ke, waqhiphuka umbilini ngenxa yegama lam. 
UMalaki 2:5 - 
Banoyolo abaxolisi; ngokuba baya kubizwa ngokuthi bangoonyana bakaThixo bona. 
UMateyu 5:9 - 
Ukuba ke ifanelekile indlu leyo, malube phezu kwayo uxolo lwenu; ukuba ayifanelekile, uxolo lwenu malubuyele kwakuni. 
UMateyu 10:13 - 
Ningabi ndize kungenisa uxolo emhlabeni; andize kungenisa luxolo, ndize kungenisa ikrele. 
UMateyu 10:34 - 
Wavuka, wawukhalimela umoya, wathi kulo ulwandle, Hlala uthi tu, uthi cwaka! Wadamba umoya, kwabakho ukuzola okukhulu. 
UMarko 4:39 - 
Wathi ke kuyo, Ntombi yam, ukholo lwakho lukusindisile; hamba unoxolo, phila kweso sibetho sakho. 
UMarko 5:34 - 
Ityuwa ilungile yona; ke ukuba ithe ityuwa ayaba nabutyuwa, noyivakalisa ngantoni na? Yibani netyuwa phakathi kwenu, nihlale ninoxolo omnye komnye. 
UMarko 9:50 - 
Ukuba ukhanye kwabo bahleliyo emnyameni, nasethunzi nilokufa, Ukuba uzingenise iinyawo zethu endleleni yoxolo. 
ULuka 1:79 - 
Uzuko kuThixo enyangweni, Uxolo emhlabeni, Inkolelo ebantwini. 
ULuka 2:14 - 
Uthe ke kumfazi, Ukholo lwakho lukusindisile, hamba ngoxolo. 
ULuka 7:50 - 
Nendlu enisukuba ningene kuyo, yithini kuqala, Uxolo malube kule ndlu. 
ULuka 10:5 - 
Ukuba ke akanako, uthi esekude, athume isigidimi, acele iindawo zoxolo. 
ULuka 14:32 - 
besithi, Makabongwe lo Kumkani uzayo egameni leNkosi; uxolo emazulwini, uzuko enyangweni. 
ULuka 19:38 - 
Ke kaloku, bakubon’ ukuba bayazithetha ezo zinto, uYesu ngokwakhe wema phakathi kwabo, wathi kubo, Uxolo malube nani. 
ULuka 24:36 - 
Ndishiya uxolo kuni; ndininika uxolo lwam; andininiki njengokunika kwehlabathi. Mayingakhathazeki intliziyo yenu, mayingabi nabugwala. 
UYohane 14:27 - 
Ezi zinto ndizithethile kuni, ukuze nibe noxolo kum. Ehlabathini niya kuba nembandezelo; yomelelani, mna ndiloyisile ihlabathi. 
UYohane 16:33 - 
ubhalela bonke abaseRoma, abaziintanda zikaThixo, abangcwele ababiziweyo, esithi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi uYesu Kristu. 
KwabaseRoma 1:7 - 
Lityumtyum neentsizi ezindleleni zabo;  Nendlela yoxolo abayazanga. Akukho koyika Thixo phambi kwamehlo abo. 
KwabaseRoma 3:16-18 - 
Ngoko, sigwetyelwe nje ngokwaselukholweni, sinoxolo kuThixo ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu; 
KwabaseRoma 5:1 - 
Kuba ukunyameka kwenyama ikukufa; ukunyameka ke koMoya bubomi noxolo. 
KwabaseRoma 8:6 - 
Bothini na ke ukuva, kungekho mshumayeli? Bothini na ke ukushumayela, bengathunywanga? Njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Hayi, ukuba zintle kwazo iinyawo zabashumayela iindaba ezilungileyo zoxolo, zabashumayela iindaba ezilungileyo zezinto ezilungileyo! 
KwabaseRoma 10:15 - 
Ukuba kunokwenzeka, okukokwenu nina, hlalani ninoxolo nabantu bonke. 
KwabaseRoma 12:18 - 
Kuba ubukumkani bukaThixo abukukudla nakusela; bubulungisa noxolo novuyo kuMoya oyiNgcwele. 
KwabaseRoma 14:17 - 
Ngoko ke masisukele izinto zoxolo, nezinto zokwakhana. 
KwabaseRoma 14:19 - 
Wanga ke uThixo wethemba elo anganizalisa ngalo lonke uvuyo noxolo ekukholweni, ukuze niphuphume ithemba ngamandla oMoya oyiNgcwele. 
KwabaseRoma 15:13 - 
UThixo ke woxolo makabe nani nonke. Amen. 
KwabaseRoma 15:33 - 
uthi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu. 
1 KwabaseKorinte 1:3 - 
Kodwa ke ukuba lowo ungakholiweyo uyahluka, makahluke; umzalwana nokuba ngudade akabotshelelwe, xa kunjalo; ke uThixo usibizele eluxolweni. 
1 KwabaseKorinte 7:15 - 
kuba uThixo akangowesiphithiphithi, ngowoxolo; njengokuba kunjalo kuwo onke amabandla abangcwele. 
1 KwabaseKorinte 14:33 - 
Elokugqiba, bazalwana, ndithi, Vuyani, zilungiseni nigqibelele, thuthuzelekani, cingani nto-nye, zolani; wothi ke uThixo wothando noxolo abe nani. 
2 KwabaseKorinte 13:11 - 
Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uYise, neNkosi yethu uYesu Kristu; 
KumaGalati 1:3 - 
Bonke ke abahamba ngalo mgca, makube luxolo nenceba kubo ke, nakwabangamaSirayeli kaThixo. 
KumaGalati 6:16 - 
Ke sona esoMoya isiqhamo luthando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, intembeko, ubulali, ukuzeyisa; 
KumaGalati 5:22 - 
Kuba nguye oluxolo lwethu, yena uthe izinto zombini wazenza zaba nye, waluchitha ke udonga lothango oluphakathi, ubumpi ke obo,  akuba ewubhangisile, esenyameni yakhe, umyalelo wemithetho esemimiselweni; ukuze abo babini abadalele kuye ngokwakhe, babe mntu mnye, mtsha, esenza ke uxolo; 
KwabaseEfese 2:14, 15 - 
nikhuthalele ukubugcina ubunye boMoya ngentambo yoxolo. 
KwabaseEfese 4:3 - 
nibophe ezinyaweni zenu ulungiselelo lweendaba ezilungileyo zoxolo. 
KwabaseEfese 6:15 - 
Kwa-ezo zinto nazifundayo, nazamkela, naziva, nazibona kum, yenzani zona ezo; waye uThixo woxolo eya kuba nani. 
KwabaseFilipi 4:9 - 
nokuthi ngaye azixolelanise naye zonke izinto, elwenzile uxolo ngalo igazi lomnqamlezo wakhe; ewe, ngaye, nokuba zizinto ezisemhlabeni, nokuba zezisemazulwini. 
KwabaseKolose 1:20 - 
Uxolo lukaThixo, enabizelwa kwakulo mzimbeni mnye, malulawule ezintliziyweni zenu, nibe nokubulela. 
KwabaseKolose 3:15 - 
Ke nina, bazalwana, anisebumnyameni, ukuba imini leyo iniqubule njengesela. 
1 KwabaseTesalonika 5:4 - 
Ke zibaleke iinkanuko zobutsha; phuthuma ke ubulungisa, ukholo, uthando, uxolo nabo bayinqulayo iNkosi ngokwasentliziyweni ehlambulukileyo. 
2 KuTimoti 2:22 - 
Phuthumani uxolo nabo bonke, nobungcwele, ekungekho namnye uya kuyibona iNkosi, engenabo; 
KumaHebhere 12:14 - 
Ke kaloku uThixo woxolo, lowo wamvusayo kwabafileyo uMalusi oMkhulu wezimvu, ngegazi lomnqophiso ongunaphakade, 
KumaHebhere 13:20 - 
Isiqhamo ke sobulungisa sihlwayelwa ngoxolo ngabo benza uxolo. 
EkaYakobi 3:18 - 
Makaphambuke ebubini, enze okulungileyo; Makafune uxolo, aluphuthume. 
1 KaPetros 3:11 - 
Kwaphuma elinye ihashe, libomvu; lowo ke wayehleli phezu kwalo wanikwa igunya lokulususa uxolo emhlabeni, nokuze basikane, wanikwa ikrele elikhulu. 
IsiTyhilelo 6:4