Ukutshata neentlobano zesini


  • UYehova uThixo wawisa ubuthongo obukhulu phezu koAdam, walala. Wathabatha lwalunye ezimbanjeni zakhe, wavingca ngenyama esikhundleni salo. UYehova uThixo walwakha ubambo abeluthabathe kuAdam, lwaba ngumfazi; wamzisa kuAdam. Wathi uAdam, Eli ke ngoku lithambo lasemathanjeni am, yinyama yasenyameni yam; lo yena ukubizwa kothiwa ngumfazi, ngokuba ethatyathwe endodeni. Ngenxa yoko indoda yomshiya uyise nonina, inamathele kumkayo, babe nyama-nye ke.
    IGenesis 2:21-24
  • Ke kaloku uAdam wamazi uEva umkakhe; wamitha wazala uKayin, wathi, Ndizuze indoda ngoYehova. ...UAdam wabuya wamazi umkakhe, wazala unyana, wathi igama lakhe nguSete, kuba wathi, UThixo undimisele enye imbewu esikhundleni sika-Abheli owabulawa nguKayin.
    IGenesis 4:1, 25
  • UYehova wambetha uFaro nendlu yakhe ngezibetho ezikhulu ngenxa kaSarayi, umka-Abram. UFaro wambiza uAbram wathi, Yintoni na le uyenzileyo kum? Yini na ukuba ungandixeleli ukuba ngumkakho?
    IGenesis 12:17-18
  • Ke kaloku uSarayi umka-Abram ubengamzaleli mntwana. Waye enomkhonzazana ongumYiputazana, ogama belinguHagare. Wathi uSarayi kuAbram, Yabona, uYehova undivingcile ukuba ndingazali; khawungene kumkhonzazana wam lo, mhlawumbi ndingakheka ngaye. Waliphulaphula uAbram izwi likaSarayi. Wathi uSarayi, umka-Abram, wamthabatha uHagare umYiputazana, umkhonzazana wakhe, emveni kokuba uAbram wayehleli iminyaka elishumi ezweni lakwaKanan, wamnika uAbram indoda yakhe ukuba abe ngumkakhe.
    IGenesis 16:1-3
  • Wathi, Nanko ententeni. Yathi, Ndiya kubuyela kuwe, lakubuya eli xesha; yabona, uSara umkakho uya kuba nonyana. Weva uSara esemnyango wentente, wona esemva kwayo. Ke kaloku uAbraham noSara babesebaluphele, sebekhulile; kusekunqamkile kuSara okwendlela yabafazi. USara wahleka ngaphakathi kwakhe, esithi, Emveni kokuba ndihagele, ndisaya kuyolelwa na, nenkosi yam yaluphele nje?
    IGenesis 18:10-12
  • Wayesazi uOnan ukuba imbewu ayiyi kuba yeyakhe; wathi, xa sukuba esiya kumfazi womkhuluwa wakhe, wayiphalazela emhlabeni ukuze angamniki mbewu umkhuluwa wakhe. Kwaba kubi emehlweni kaYehova oko wakwenzayo; ngoko wambulala naye.
    IGenesis 38:9-10
  • Uze ungakrexezi.
    IEksodus 20:14
  • Uze ungawunqweneli umzi wommelwane wakho. Uze ungamnqweneli umfazi wommelwane wakho, nesicaka sakhe, nesicakakazi sakhe, nenkomo yakhe, ne-esile lakhe, nanye into eyeyommelwane wakho.
    IEksodus 20:17
  • Ubuze bomkayihlo uze ungabutyhili: bubuze bukayihlo obo. ...Uze ungamlali umfazi wommelwane, ukuba uzenze inqambi ngaye.
    ILevitikus 18:8, 20
  • Indoda esukuba ikrexeza umkamntu, ikrexeze umfazi wommelwane wakhe, wobulawa afe umkrexezi lowo, kwanomkrexezikazi. ... Indoda esukuba iyilala indoda njengokuba kulalwa umfazi, abo benze amasikizi: mababulawa bafe bobabini; amagazi abo makabe phezu kwabo.
    ILevitikus 20:10, 13
  • Makangazeki mfazi ulihenyukazi, nohlanjelwayo; angazeki mfazi waliweyo yindoda yakhe; ngokuba ungcwele kuThixo wakhe.
    ILevitikus 21:7
  • Makazeke umfazi osebuntombini bakhe. Umhlolokazi, nowaliweyo, nohlanjelweyo olihenyukazi, abo makangabazeki; wozeka intombi yodwa yasebantwini bakowabo, ibe ngumfazi;
    ILevitikus 21:13-14
  • Nguwo lowo umyalelo wobukhwele bokunxaxha komfazi enendoda yakhe, wazenza inqambi; nokuba indoda ithe yafikelwa ngumoya wobukhwele, yamkhweletela umkayo, yammisa umfazi phambi koYehova, umbingeleli wawenza kuye wonke lo myalelo.
    INumeri 5:29-30
  • Xa indoda ithe yazeka umfazi, yamngena, yaza yamthiya, yathetha ngaye iintlondi ezibangela intetho, yamvelisela igama elibi, yathi, Ndimzekile lo mfazi, ndasondela kuye, andazifumana iimpawu zobuntombi kuye: uyise wentombi nonina bozithabatha iimpawu zobuntombi bentombi leyo, baphume nazo bazise kumadoda amakhulu omzi esangweni. Wothi uyise wentombi kumadoda amakhulu, Intombi yam ndiyinikelo mfo ukuba ibe ngumkakhe, wayithiya; yabonani, uthethe iintlondi ezibangela intetho, esithi, Andizifumananga iimpawu zobuntombi entombini yakho; ke nanzi iimpawu zobuntombi bentombi yam. Boyaneka ke ingubo enazo phambi kwamadoda amakhulu omzi.
    IDuteronomi 22:13-17
  • Xa ithe indoda yazeka umfazi, yayindoda yakhe, kothi ke ukuba uthe akafumana ukubabalwa emehlweni ayo, ngokuba ifumene iindawo eziziintloni kuye, yambhalela incwadi yokumala, yamnikela esandleni, yamgxotha endlwini yayo;
    IDuteronomi 24:1
  • UDavide wamthuthuzela uBhatshebha umkakhe; wangena kuye, walala naye; wazala unyana, wathi igama lakhe nguSolomon.
    2 KaSamuweli 12:24
  • Waya esomelela ngokomelela uAbhiya, wazeka abafazi abalishumi elinabane, wazala oonyana abamashumi mabini anababini, neentombi ezilishumi elinantandathu.
    2 YeziKronike 13:21
  • Umkakho woba njengomdiliya oqhamayo Endlwini yakho ngaphakathi; Oonyana bakho babe njengezithole zomnquma Ngeenxa zonke esithebeni sakho.
    IiNdumiso 128:3
  • Malisikelelwe ithende lakho, Uvuye ngumfazi wobutsha bakho; Makabe yimazi yexhama elithandekayo, neyegogo elihle; Amabele akhe akukholise ngamaxesha onke, Uyotywe luthando lwakhe kuphele.
    ImiZekeliso 5:18-19
  • Unjalo ongena emfazini wommelwane wakhe; Akukho namnye umchukumisayo, oya kuba msulwa.
    ImiZekeliso 6:29
  • Okrexeza umfazi ke uswele intliziyo; Owenza loo nto ngumonakalisi womphefumlo wakhe.
    ImiZekeliso 6:32
  • Othe wafumana umfazi, ufumene okulungileyo; Uzuze okulikholo kuYehova.
    ImiZekeliso 18:22
  • Indlu nobutyebi lilifa looyise; Ke yena umfazi onengqondo uvela kuYehova.
    ImiZekeliso 19:14
  • Kulungile ukuhlala elungqamekweni oluphezu kwendlu, Kunokuhlala ndlwini-nye nomfazi onengxabano.
    ImiZekeliso 21:9
  • Hlala kakuhle nomfazi omthandileyo ngemihla yonke yobomi bakho obungamampunge, akunikileyo phantsi kwelanga, ngemihla yakho yonke engamampunge; ngokuba sisabelo sakho eso ebomini, nasemigudwini yakho owaphuka yiyo phantsi kwelanga.
    EcclesiastesImiZekeliso 9:9
  • Makandange ngokwanga komlomo wakhe; Ngokuba izincokoliso zakho zimnandi ngaphezu kwewayini.
    INgoma yazo iiNgoma 1:2
  • Isandla sayo sokhohlo siphantsi kwentloko yam; Esokunene siyandiwola.
    INgoma yazo iiNgoma 2:6
  • Amabele akho omabini anjengamankonyana amabini angamawele ebhadi, Esidla phakathi kweenyibiba. ... Uyingxwelerhile intliziyo yam, dade wethu, mtshakazi; Uyingxwelerhile intliziyo yam ngomjezulo omnye, Ngamrhukane mnye wesambalo sakho. Azi kuhle ukuncokolisa kwakho, dade wethu mtshakazi! Azi kumnandi ukuncokolisa kwakho ngaphezu kwewayini, Nevumba lamafutha akho ngaphezu kobulawu buphelele!
    INgoma yazo iiNgoma 4:5, 9, 10
  • Memelela, ludlolo lungazaliyo; gqabhuka umemelele, utsholoze, wena ungenanimba; ngokuba baninzi abantwana besishiywa, ngaphezu kwabantwana bonendoda; utsho uYehova.
    UIsaya 54:1
  • Buyani, nyana bangamaphamba, utsho uYehova; ngokuba ndinizekile mna. Ndiya kunithabatha abe mnye emzini, babe babini kwimizalwane, ndinizise eZiyon;
    UYeremiya 3:14
  • Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba iphalele imali yakho, batyhileka ubuze bakho ngokuhenyuza kwakho nezithandane zakho, nangenxa yezigodo zonke zamasikizi akho, nangenxa yamagazi oonyana bakho, owabanikelayo kuzo: ngako oko, yabona, ndiya kuzithabatha zonke izithandane zakho owakholisana nazo, nabo bonke owabathandayo, ndawonye nabo bonke owabathiyayo, ndibahlanganise, ndikuchase ngeenxa zonke, ndibutyhile ubuze bakho kubo, babubone ubuze bakho bonke.
    UHezekile 16:36-37
  • Ukuqala kokuthetha kukaYehova noHoseya, wathi uYehova kuHoseya, Yiya uzeke umfazi wobuhenyu nabantwana bobuhenyu; ngokuba ilizwe lihenyuze kakhulu, lemka kuYehova.
    UHoseya 1:2
  • Nize nitsho asuse ubuhenyu bakhe ebusweni bakhe, nokukrexeza kwakhe phakathi kwamabele akhe;
    UHoseya 2:2
  • Kwathiwa ke, Othe wamala umfazi wakhe, makamnike incwadi yokwahlukana. Ke mna ndithi kuni, Othe wamala umfazi wakhe ngaphandle kwendawo yombulo, uyamkrexezisa; nothe wazeka owaliweyo, uyakrexeza.
    UMateyu 5:31-32
  • wathi, Ngenxa yoko umntu womshiya uyise nonina, anamathele emfazini wakhe, baze abo babini babe nyama-nye? Ngako oko abasebabini, banyama-nye; oko ke ngoko uThixo akumanyileyo, makungahlulwa mntu.
    UMateyu 19:5-6
  • Umntu wonke oshiye izindlu, nokuba ngabazalwana, nokuba ngoodade, nokuba nguyise, nokuba ngunina, nokuba ngumfazi, nokuba ngabantwana, nokuba ngamasimi, ngenxa yegama lam, uya kwamkela kalikhulu, abudle ilifa ubomi obungunaphakade.
    UMateyu 19:29
  • besithi, Mfundisi, uMoses wathi, Ukuba ubani uthe wafa engenabantwana, wothi umzalwana wakhe amngene umfazi wakhe, amvelisele imbewu umzalwana wakhe. ...Kuba eluvukweni abazeki, abendiswa; banjengazo izithunywa zikaThixo emazulwini.
    UMateyu 22:24, 30
  • Bathi bona, UMoses wakuvumela ukubhala incwadi yokwahlukana, nokumala. Waphendula uYesu wathi kubo, Ngokuba lukhuni kwentliziyo yenu, wanibhalela loo mthetho; kodwa kwasekuqalekeni kokudalwa, uThixo wabenza bayindoda nenkazana. Ngenxa yoko umntu uyakushiya uyise nonina, anamathele emfazini wakhe; baze abo babini babe nyama-nye. Ngako oko, abasebabini, banyama-nye. Oko ke ngoko uThixo akumanyileyo, makungahlulwa mntu.
    UMarko 10:4-9
  • Nokuba umfazi uthe wayala indoda yakhe, wendela kwenye, uyakrexeza.
    UMarko 10:12
  • Kwaye kukho noAna umprofetikazi, intombi kaFanuweli, wesizwe sika-Ashere. Yena waye eselekhulile kakhulu; waye ke ebehleli nendoda iminyaka esixhenxe, ethabathela ebuntombini bakhe.
    ULuka 2:36
  • Xa uthe wamenyelwa emsithweni ngubani, musa ukungqengqa esililini sobukhulu; hleze obekekileyo kunawe abe ubemenyiwe nguye,
    ULuka 14:8
  • Babesidla, babesela, babezeka, babesendisa, kwada kwayimini awangena ngayo uNowa emkhombeni; wafika unogumbe, wabatshabalalisa bonke.
    ULuka 17:27
  • Ephakamile ke uYesu, akabona mntu kwakuphela ngumfazi lowo; wathi kuye, Mfazindini, baphi na abo bamangaleli bakho? Akukho ukugwebileyo na? Wathi ke yena, Noko amnye, Nkosi. Wathi ke uYesu kuye, Nam andikugwebi; hamba, ungabuye wone.
    UYohane 8:10-11
  • Kuba umfazi owendileyo, ubotshiwe ngumthetho kwindoda yakhe, lo gama idla ubomi; ukuba ke ithe yafa indoda, ukhululekile kuwo umthetho ombophe endodeni. Ngoko ke, ukuba uthe waba kuyimbi indoda, yakubon’ ukuba indoda yakhe isadla ubomi, kothiwa ngumkrexezikazi. Ke ukuba ithe yafa indoda yakhe, woba ukhululekile kuwo umthetho, ukuba angabi mkrexezikazi, ethe waba kuyimbi indoda.
    KwabaseRoma 7:2, 3
  • Kwandile ukuvakala ukuba kukho umbulo phakathi kwenu; ngumbulo ke lowo ongazanga ukhankanywe naphakathi kweentlanga, owokuba uthile abe nomfazi kayise. Nibe ke nikhukhumele; ningabi kanye nikhedamile, ukuze anyothulwe phakathi kwenu lowo wenze loo ntlondi.
    1 KwabaseKorinte 5:1, 2
  • Anazi na, ukuba abangemalungisa abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo? Musani ukulahlekiswa; abenza umbulo, nabakhonzi bezithixo, nabakrexezi, nezifebe, namadoda alalanayo, namasela, namabawa, namanxila, nabatshabhisi, nabaphangi, abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.
    1 KwabaseKorinte 6:9-10
  • izidlo zezesisu, nesisu sesezidlo; kodwa uThixo uya kubhangisa kokubini, sona nazo. Ke wona umzimba asingowombulo, ngoweNkosi; nayo iNkosi yeyomzimba. UThixo ke wayivusa iNkosi leyo; uya kusivusa nathi ngamandla akhe.
    1 KwabaseKorinte 6:13, 14
  • Wubalekeni umbulo. Zonke izono athe umntu wazenza, zingaphandle komzimba; ke lowo wenza umbulo, wona owakhe umzimba. Anazi na, ukuba umzimba wenu uyitempile yoMoya oyiNgcwele ongaphakathi kwenu, eninaye evela kuThixo; nokuba ke aningabenu? Kuba nathengwa ngexabiso. Mzukiseni ke uThixo ngomzimba wenu nangomoya wenu, izinto ezizezikaThixo ezo.
    1 KwabaseKorinte 6:18-20
  • Ke kaloku, ngokubhekisele kwiindawo enandibhalela ngazo, ndithi, Kumlungele umntu ukuba angamchukumisi umntu oyinkazana. Kodwa ke, ngenxa yoomibulo, elowo makabe nowakhe umfazi, athi elowo abe neyakhe indoda.
    1 KwabaseKorinte 7:1, 2
  • Indoda mayimenzele okumfaneleyo umfazi wayo; enjenjalo ke nomfazi endodeni yakhe. Umfazi akanagunya kowakhe umzimba, yindoda enalo; kwangokunjalo ke, nendoda ayinagunya kowayo umzimba, ngumfazi onalo. Musani ukwala ukuhlangana, ningathanga nibe nivumelene okomzuzwana, ukuze ke nibe nethuba lokuzila ukudla nelokuthandaza; nibuye nihlangane ndawonye, ukuze anganihendi uSathana ngenxa yentswela-kuzeyisa kwenu.
    1 KwabaseKorinte 7:3-5
  • Ndithi ke kwabangazekanga nabangendanga, nakubahlolokazi, kubalungele ukuba bathe bahlala njengam nje. Kodwa ke, ukuba abanakuzeyisa, mabazeke, mabende, kuba kukhona kulungileyo ukuba kuzekwe, kwendiwe, kunokutshiseka. Ke kaloku abazekileyo nabendileyo ndiyabathethela, phofu ingendim, iyiNkosi; ndithi, Umfazi makangahlukani nendoda (ke ukuba uthe wahlukana nayo, makahlale angendi, okanye makaxolelaniswe nendoda yakhe); indoda mayingamali umfazi wayo.
    1 KwabaseKorinte 7:8-11
  • Kuba indoda leyo ingakholiweyo ingcwalisiwe nguye umfazi, nomfazi lowo ungakholiweyo ungcwalisiwe yiyo indoda; okanye abantwana benu ngebeba baziinqambi; kungoku ke bangcwele.
    1 KwabaseKorinte 7:14
  • Ndithanda ukuba ningabi naxhala. Ongazekileyo uxhalela izinto zeNkosi, ukuba angathini na ukuyikholisa iNkosi. Ozekileyo ke uxhalela izinto zehlabathi, ukuba angathini na ukumkholisa umkakhe. Umfazi nentombi akufani. Ongendileyo uxhalela izinto zeNkosi, ukuze abe ngcwele ngomzimba nangomoya; owendileyo ke uxhalela izinto zehlabathi, ukuba angathini na ukuyikholisa indoda yakhe.
    1 KwabaseKorinte 7:32-34
  • Umfazi ubotshiwe ngumthetho ngalo lonke ixesha isaphilileyo indoda yakhe; ke ukuba indoda yakhe ithe yafa, ukhululekile, angendiselwa kwayithandayo, kodwa ke ngokwaseNkosini.
    1 KwabaseKorinte 7:39
  • Iyabonakala ke yona imisebenzi yenyama, eyile: ukrexezo, umbulo, ukungcola, uburheletyo, ukubusa kwizithixo, ukukhafula, intiyo, iinkani, amakhwele, imisindo, amayelenqe, iimbambaniso, izahlukano, oomona, ookubulala, ookunxila, iindywala, nezinto ezinjengezo; endinixelelayo ngenxa engaphambili, njengokuba besendinixelele kade, ukuba abazenzayo izinto ezinjalo abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.
    KumaGalati 5:19-21
  • Ke umbulo, nako konke ukungcola, nokubawa, makungakhe kukhankanywe phakathi kwenu, njengoko kubafaneleyo abangcwele;
    KwabaseEfese 5:3
  • Nina bafazi, walulameleni awenu amadoda, ngokokululamela iNkosi; ngokuba indoda le iyintloko yomfazi, njengokuba naye uKristu eyintloko yebandla, eli; waye yena ngokwakhe enguMsindisi wawo umzimba. Ke, kwanjengokuba ibandla eli limlulamela uKristu, mabathi ngokunjalo nabafazi bawalulamele awabo amadoda ezintweni zonke. Nina madoda, bathandeni abafazi benu, njengokuba naye uKristu walithandayo ibandla, wazinikela ngenxa yalo; ukuze alingcwalise, elihlambulule ngokuhlamba kwamanzi ngelizwi; ukuze alimise phambi kwakhe linobuqaqawuli, lilibandla elingenabala, elingenamibimbi nanye into enjalo, ukuze libe ngcwele, lingabi nasiphako. Ngoko amelwe amadoda ukubathanda abawo abafazi, njengokuba beyimizimba yawo. Lowo umthandayo umkakhe, uyazithanda; kuba akukho namnye wakha wayithiya eyakhe inyama; usuka ayondle, ayigcine, njengokuba nayo iNkosi ilenjenjalo ibandla. Ngokuba singamalungu omzimba wayo, singabenyama yayo, singabamathambo ayo. Ngenxa yoko ke, umntu womshiya uyise nonina, anamathele kuye umkakhe, baze abo babini babe nyama-nye.2 Loo mfihlelo inkulu; ke mna ndithetha ndisingisele kuKristu, ndisingisele nakulo ibandla. Kodwa ke manithi nani ngabanye, elowo amthande umkakhe, njengoko azithanda ngako; umfazi ke makayoyike indoda.
    KwabaseEfese 5:22-33
  • Bhubhisani ngoko amalungu enu asemhlabeni: umbulo, ukungcola, ukuthabatheka okuhlazisayo, inkanuko embi, nokubawa, okuyinkonzo yezithixo kona oko;
    KwabaseKolose 3:5
  • Kuba oku kukuthanda kukaThixo, ukungcwaliswa kwenu, ukuba nikhumke kulo uhenyuzo; ukuba elowo kuni akwazi ukusizuza asiphathe esakhe isitya enobungcwalisa, enembeko; angathabatheki yinkanuko, njengeentlanga ezingamaziyo uThixo;
    1 KwabaseTesalonika 4:3-5
  • abenzi bombulo, amadoda alalanayo, amasela abantu, amaxoki, amafunga-buxoki, nokuba kukho nto yimbi ichasene nemfundiso ephilileyo;
    1 KuTimoti 1:10
  • Umveleli ngoko umelwe kukuthi abe ngongenakukhalazelwa, eyindoda yamfazi mnye, eyingcathu, enesidima, ezibekile, ebuka iindwendwe, enokufundisa; ...Abalungiseleli mababe ngamadoda abafazi ngabanye, besongamela kakuhle abantwana nezindlu ezizezabo.
    1 KuTimoti 3:2, 12
  • Nangexa athi amngenise owamazibulo kwelimiweyo, uthi, Maziqubude kuye zonke izithunywa zikaThixo.
    KuTito 1:6
  • Umtshato mawubekeke ngeendlela zonke, nesilili masingadyojwa; ke abenza umbulo nabakrexezi, uThixo uya kubagweba.
    KumaHebhere 13:4
  • Ngokunjalo, nina madoda, hlalani nabo ngokokwazi, nimbeka umfazi, njengesona sitya siethe-ethe, njengeendlalifa kunye nani zobabalo lobomi, ukuze imithandazo yenu ingathinteleki.
    1 KaPetros 3:7
  • Noko ke ndineendawana ngakuwe: ezi zokuba umvumela umfazi lowo uIzebhele, othi yena ungumprofetikazi, ukuba abafundise abalahlekise abakhonzi bam, ukuba benze umbulo, badle izinto ezibingelelwe izithixo.
    IsiTyhilelo 2:20
  • akaguqukanga nasekubulaleni kwawo, nasekukhafuleni kwawo, nasembulweni wawo, nasebuseleni bawo.
    IsiTyhilelo 9:21
  • Ngokuba iyinyaniso, inobulungisa, imigwebo yayo;
    IsiTyhilelo 19:2