Claiming Habitation
- IGenesis 13:17
- Ilizwe ze kungathengiswa ngalo, libhange, kuba ilizwe lelam; ngokuba ningabaphambukeli neendwendwe kum; Makabongwe 25:23
- Indawo yonke, enyathelwa yintende yonyawo lwenu, yoba yeyenu; kuthabathela entlango, naseLebhanon, nasemlanjeni, emlanjeni ongumEfrati, kuse elwandle lwasentshonalanga, ingumda wenu. IDuteronomi 11:24
- Wandikhuphela endaweni ebanzi, Wandihlangula ngokuba endinonelele. 2 Samuel 22:20
- Cela kum, ndikunike iintlanga zibe lilifa lakho, Iziphelo zehlabathi zibe zezakho. iNdumiso 2:8
- Bakhala ke kuYehova embandezelweni yabo, Wabahlangula ekucuthekeni kwabo;Wabanyathelisa endleleni ethe tye, Ukuba baye kumzi wokuhlala. iNdumiso 107:6, 7
- iindlebe zakho zive ilizwi ngasemva kwakho, lisithi, Nantsi indlela; hambani ngayo, nokuba nisinga ekunene, nokuba nisinga ekhohlo. Isaya 30:21
- Celani, nophiwa; funani, nofumana; nkqonkqozani, novulelwa; UMateyu 7:7
- Ngokholo uAbraham wathi, akubizwa, Wakululamela ukuba aphume, aye kuloo ndawo abeza kuyamkela ukuba ibe lilifa; waphuma ke, engazi kakuhle nalapho aya khona. KumaHebhere 11:8
- Yabona, ndinawe; ndiya kukugcina naphi apho uya khona, ndikubuyisele kulo mhlaba; ngokuba andiyi kukushiya, nidide ndikwenze oko ndikuthethileyo kuwe. IGenesis 28:15
- Uyabona, ndithuma isithunywa phambi kwakho, ukuba sikugcine endleleni, sikufikise endaweni endiyilungisileyo. IEksodus 23:20
- Ke ngoko hamba ubalathise abantu, baye kuloo ndawo ndathethayo ngayo kuwe. Yabona, isithunywa sam sohamba phambi kwakho; ke mini ndivelelayo, ndiya kusivelela isono sabo kubo. IEksodus 32:34
- Wathi, Ubuso bam bohamba nawe, ndikunike ukuphumla. IEksodus 33:14
- Wosikelelwa ekungeneni kwakho, usikelelwe ekuphumeni kwakho. IDuteronomi 28:6
- Babehamba besuka kolunye uhlanga, baye kolunye uhlanga, Besuka kobunye ubukumkani, baye kwabanye abantu.Akavumelanga mntu ukuba abacudise, Wohlwaya ookumkani ngenxa yabo;Esithi, Musani ukubachukumisa abathanjiswa bam, Musani ukubaphatha kakubi abaprofeti bam. iNdumiso 105:13-15
- Bakhala ke kuYehova embandezelweni yabo Wabakhupha ekucuthekeni kwabo.Ukumisile ukuvuthuza, kwathi cwaka, Amaza ayo azola;Bavuya ke, kuba edambile; Wabafikisa echwebeni abalilangazelelayo. iNdumiso 107:28-30
- UYehova uya kukugcina ukuphuma kwakho nokungena kwakho, Kususela ngoku kude kuse ephakadeni. iNdumiso 121:8
- Ukuba ndithe ndaphakamisa amaphiko esifingo, Ndaya ndahlala ekupheleni kolwandle,Besingandikhaphayo kwanalapho isandla sakho, Sindibambe isandla sakho sokunene. iNdumiso 139:9, 10
- ukuthi, Ndiya kuhamba phambi kwakho, ndilungelelanise iindawo ezimaqhubu, ndiqhekeze iingcango zobhedu, ndixakaxe nemivalo yesinyithi;ndikunike ubuncwane obusemnyameni, neengqwebo ezisezintsithelweni; ukuze wazi, ukuba mna Yehova ndingulo ukubize ngegama, uThixo kaSirayeli. Isaya 45:2, 3
- Ngako oko yithi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ekubeni ndibakhwelelisele ezintlangeni, ndabaphangalalisa emazweni, ke ndoba yingcwele kubo umzuzwana omncinane kuloo mazwe baye kuwo. UHezekile 11:16