Separation



  • IGenesis 31:49
  • Ndandithandazela lo mntwana; undinikile ke uYehova isicelo sam endandisicela kuye;nam ndiya kumenza oceliweyo kuYehova; yonke imihla yokubakho kwakhe, woba ngoceliweyo kuYehova. Wamnqula khona uYehova.
    1 KaSamuweli 1:27, 28
  • Nokuba ndihamba emfuleni wethunzi lokufa, Andiyi koyika bubi, ngokuba unam wena; Intonga yakho, umsimelelo wakho, uyandithuthuzela.
    iNdumiso 23:4
  • Ngokuba ubawo noma bandishiyile, Wesuka uYehova wandichola.
    iNdumiso 27:10
  • Usondele uYehova kwabantliziyo zaphukileyo, Abasindise abamoya utyumkileyo.
    iNdumiso 34:18
  • Ulophilisa abaphuke intliziyo, Abophe amanxeba abo;
    iNdumiso 147:3
  • Amanzi amaninzi akanakulucima uthando; Imilambo ayinakuluntywilisela. Ingafanelana indoda irhole bonke ubuncwane bendlu yayo ngenxa yothando, Ingadelwa ideliwe.
    Songs of Solomon 8:7
  • Andiyi kunishiya niziinkedama, ndiyeza kuni.
    UYohane 14:18
  • Kuba ndigqiba kwelithi, iintlungu zeli xesha lakalokunje azinakulinganiswa nobuqaqawuli obu buza kutyhilwa kuthi.
    KwabaseRoma 8:18
  • osithuthuzelayo kuyo yonke imbandezelo yethu, ukuze sibe nako ukubathuthuzela abakwinto yonke eyimbandezelo, ngayo intuthuzelo esithuthuzelwa ngayo nathi nguye uThixo.
    2 KwabaseKorinte 1:4
  • Ndisuke, zona ezo zinto zabe ziyinzuzo kum, zona ezo ndazibalela ekuthini ziyinkxwaleko ngenxa kaKristu.Ewe, okunene, ndisuka izinto zonke ndizibalele ekuthini ziyinkxwaleko, ngenxa yokongama kokumazi uKristu Yesu iNkosi yam; endithe ngenxa yakhe ndonakalelwa zezi zinto zonke, ndizibalela ekuthini ziyinkunkuma, ukuze ndimzuze uKristu,
    KwabaseFilipi 3:7, 8
  • Ke kaloku andithandi ukuba ningazi, bazalwana, mayela nabalele ukufa, ukuze ningabi buhlungu njengabanye abangenathemba bona.
    1 KwabaseTesalonika 4:13
  • ukuze ukucikideka kokholo lwenu kufunyanwe kunqabile kakhulu, ngaphezu kwegolide le itshabalalayo, noko icikidwa ngomlilo; kuse kuyo indumiso nembeko nozuko ekutyhilekeni kukaYesu Kristu.
    1 KaPetros 1:7