Pride


  • Musani ukukwandisa ukuthetha izinto eziphakamileyo, izinto eziphakamileyo, Kungaphumi ntetho yakuhlakanipha emlonyeni wenu; Ngokuba uYehova nguThixo owazi konke, Yena nguMlinganisi wezenzo eziyincamisa.-
    1 KaSamuweli 2:3
  • Kwafika ukukhukhumala, kofika ukucukucezwa; Bunabathozamileyo ubulumko. -
    miZekeliso 11:2
  • Ngokukhukhumala kuvuka ukulwa kuphela; Ubulumko bunabavuma ukucetyiswa.-
    miZekeliso 13:10
  • UYehova uyayincothula indlu yabanekratshi, Amise umlimandlela womhlolokazi. -
    miZekeliso 15:25
  • Umvuzo wolulamo kukoyika uThixo, Bubutyebi, nozuko, nobomi.-
    miZekeliso 22:4
  • Ikratshi lomntu liya kumthoba; Ke yena omoya uthobekileyo ufumana uzuko. -
    miZekeliso 29:23
  • Ngoko ke lowo uba umi, makalumke angawi.
    1 KwabaseKorinte 10:12
  • Zithobeni emehlweni eNkosi, yoniphakamisa.-
    EkaYakobi 4:10
  • Ngokuba wonke umntu oziphakamisayo, uya kuthotywa; nozithobayo uya kuphakanyiswa. -
    ULuka 14:11
  • Ke sona esoMoya isiqhamo luthando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, intembeko, ubulali, ukuzeyisa;akukho mthetho uchasene nezinto ezinjalo. -
    KumaGalati 5:22, 23
  • ningenzi nanye into ngokweyelenqe, nangokozuko olulambathayo. Yithini ngokuthobeka kwentliziyo omnye ambalele omnye ekuthini nguyena wongamileyo kunaye.Makangathi elowo axunele kwezakhe izinto zodwa, elowo makaxunele nakwezabanye.Yibani nale ngcinga kuni, wayenayo kuye uKristu Yesu: -
    KwabaseFilipi2:3-5
  • Balisikizi kuYehova bonke abantliziyo izidlayo; Kakade ke, ababi msulwa. -
    miZekeliso 16:5
  • Ikratshi likhokela intshabalalo; Ukuzidla kukhokela ukukhubeka.
    miZekeliso 16:18
  • Kukho indlela ethe tye phambi komntu, Ukanti ukuphela kwayo ziindlela zokufa. -
    miZekeliso 16:25
  • Phambi kwentshabalalo iyazidla intliziyo yendoda; Phambi kozuko lululamo.-
    miZekeliso 18:12
  • Ke ubabala kakhulu ngakumbi. Kungoko sithi, UThixo uyabachasa abanekratshi, abababale abazithobileyo. -
    EkaYakobi 4:6
  • Uyabanyathelisa abalulamileyo emasikweni akhe, Abafundise abalulamileyo indlela yakhe.-
    iNdumiso 25:9
  • 5 Ngokunjalo, nina manci, wathobeleni amadoda amakhulu. Thobelanani nonke ke, ninxibe ukuthobeka kwentliziyo; ngokuba uThixo uyabachasa abanekratshi, abababale ke abazithobileyo.Zithobeni ngoko ngaphantsi kwesandla esinamandla sikaThixo, ukuze aniphakamise ngexesha elifanelekileyo.Lonke ixhala lenu liphoseni phezu kwakhe, ngokuba yena enikhathalele. -
    1 KaPetros 5:5-7
  • Waphendula ukumkani wakwaSirayeli, wathi, Yithini, Makangaqhayisi osabhinqa ikrele, njengoselelikhulula. -
    1 YooKumkani 20:11
  • Zonke ezo zinto sazenza isandla sam, zabakho ke zonke ezo zinto; utsho uYehova; ndibheka kulo, kolusizana, komoya waphukileyo, kogubhayo ngelizwi lam. -
    Isaya 66:2