Abortion
-  Uze ungabulali.  -  
 IDuteronomi 5:17
- 
Amehlo akho andibona ndiseyimbumba, Zazibhalwe encwadini yakho iimini zonke ziphela; Ziyiliwe ngenxa engaphambili, Kungekabikho ke nanye kuzo.- 
 iNdumiso 139:16
- 
Wamdala ke uThixo umntu ngokomfanekiselo wakhe; wamdala ngokomfanekiselo kaThixo; wadala indoda nenkazana. -  
 IGenesis 1:27
- 
Uyabona, ilifa likaYehova ngoonyana, Umvuzo sisiqhamo sesizalo.  -  
 iNdumiso 127:3
- 
Ngokuba wena wazibumba izintso zam, Wandibiyela esizalweni sikama.Ndiyabulela kuwe ngenxa enokuba ndenziwe ngokoyikekayo, ngokubalulekileyo; Zibalulekile izenzo zakho, Umphefumlo wam uyazi kakuhle.Ayengagushekile kuwe amathambo am, Mna ndenzelwayo entsithelweni, Ndalukwa ndayimfakamfele ezinzulwini zomhlaba. -  
 iNdumiso 139:13-15
- 
Owandenzayo ezibilinini akamenzanga na naye? Owasimilisa esizalweni akamnye na?  -  
 UYobhi 31:15
- 
Ndingekakubumbi esizalweni, bendikwazi; ungekaphumi embilinini, ndakungcwalisa, ndakumisa waba ngumprofeti weentlanga. - 
 Yeremiya 1:5