Pregnancy and Childbirth


  • NgoThixo wooyihlo—akuncede, NgoSomandla—akusikelele, Ibe ziintsikelelo zamazulu ezivela phezulu, Iintsikelelo zamanzi enzonzobila alele ezantsi, Iintsikelelo zamabele, nezesizalo.
    IGenesis 49:25
  • Oonyana bakaSirayeli baqhama, banyakazela, banda, baba namandla kakhulu kunene; lazala ilizwe ngabo.
    IEksodus 1:7
  • akuthande, akusikelele, akwandise, asikelele nesiqhamo sesizalo sakho, neziqhamo zomhlaba wakho, ingqolowa yakho, newayini yakho entsha, neoli yakho, nenkonyana yenkomo yakho, netakane lempahla yakho emfutshane, emhlabeni lowo wawufungela ooyihlo ukuba wokunika.Wosikeleleka ngaphezu kwezizwe zonke; akusayi kubakho nto ingazaliyo, nokuba yindoda nokuba ngumfazi kuwe; nasezinkomeni zakho ayisayi kubakho.
    IDuteronomi 7:13, 14
  • Owandenzayo ezibilinini akamenzanga na naye? Owasimilisa esizalweni akamnye na?
    UYobhi 31:15
  • Iya kuba nobugorha ehlabathini imbewu yakhe; Isizukulwana sabathe tye sisikelelwe.
    iNdumiso 112:2
  • Ulohlalisa endlwini umfazi ongazaliyo, Abe ngunobantwana ovuyayo. Haleluya!
    iNdumiso 113:9
  • Uyabona, ilifa likaYehova ngoonyana, Umvuzo sisiqhamo sesizalo.
    iNdumiso 127:3
  • Ngokuba wena wazibumba izintso zam, Wandibiyela esizalweni sikama.
    iNdumiso 139:13
  • Ngokuba eyomelezile imivalo yamasango akho, Ebasikelele abantwana bakho phakathi kwakho.
    iNdumiso 147:13
  • Iya kuwalusa umhlambi wayo njengomalusi; iya kuwabutha ngeengalo zayo amatakane, iwathwale ngesifuba sayo, izithundeze ezanyisayo.
    Isaya 40:11
  • Ngokuba ndiya kugalela amanzi phezu kwabanxaniweyo, nemiqukuqela yamanzi phezu kwelizwe elomileyo. Ndiya kugalela uMoya wam phezu kwembewu yakho, nentsikelelo yam phezu kwenzala yakho.Baya kuhluma phakathi kotyani, njengemingculuba engasemisingeni yamanzi.
    Isaya 44:3, 4
  • Ndingekakubumbi esizalweni, bendikwazi; ungekaphumi embilinini, ndakungcwalisa, ndakumisa waba ngumprofeti weentlanga.
    Yeremiya 1:5
  • Unoyolo lowo wakholwayo koko; ngokuba kuya kubakho inzaliseko yezo zinto zithethiweyo kuye yiNkosi.
    ULuka 1:45
  • Ngokholo noSara ngokwakhe wamkela amandla okumisa umzi, waza wazala, liseligqithile ixesha lokuba amithe, ekubeni wambalela ekuthini uthembekile lowo wabekayo ngedinga.
    KumaHebhere 11:11
  • Wandikhuphela endaweni ebanzi, Wandihlangula, ngokuba endithandile.
    iNdumiso 18:19
  • Ndithobele indlebe yakho, ungxame undihlangule; Yiba liliwa eliligwiba kum, Indlu yemboniselo yokundisindisa.
    iNdumiso 31:2
  • Isithunywa sikaYehova sibangqinga ngeenxa zonke abamoyikayo, Sibahlangule.
    iNdumiso 34:7
  • Ngamana, Yehova, wandihlangula; Yehova, wakhawuleza wandinceda!
    iNdumiso 40:13
  • Mna ke ndilusizana, ndilihlwempu; INkosi iya kundikhumbulela. Umncedi wam nomsindisi wam nguwe; Thixo wam, musa ukulibala.
    iNdumiso 40:17
  • Ubize mna ngemini yembandezelo, Ndikuhlangule, undizukise.
    iNdumiso 50:15
  • Ndidanduluka kuwe ndisesiphelweni sehlabathi, ekutyhafeni kwentliziyo yam; Ndikhaphele eweni elisemalengalengeni kum.
    iNdumiso 61:2
  • Ngokuba enamathele kum, ndomsiza; Ndimse engxondeni, ngokuba elazi igama lam.
    iNdumiso 91:14
  • Ukakade onobubi akabi msulwa; Ke yona imbewu yamalungisa iyasinda.
    miZekeliso 11:21
  • Umnika otyhafileyo amandla, ongenakomelela amandisele ukuqina.Namadodana angatyhafa adinwe, nabafana bakhubeke bawe;ke bona abathembele kuYehova baya kuhlaziyeka emandleni; banyuke ngamaphiko njengeenkozi. Baya kugidima bangadinwa, bahambe bangatyhafi.
    Isaya 40:29-31
  • Abayi kuzixhamla ngokulambathayo, bazalele ukhwankqiso; ngokuba bayimbewu ayisikeleleyo uYehova, nabaphume ezibilinini zabo banabo.
    Isaya 65:23
  • Ingekazibhijabhiji, yazala; ingekezi inimbakuyo, yathi tyibilili umntwana oyinkwenkwe. Mna ndingavelisisa na, ndingazalisi? utsho uYehova; ndingathi mna ndizalisayo ndivingce na? utsho uThixo wakho.
    Isaya 66:7, 9
  • Umfazi xa aza kuzala, uyaxhalaba, ngokuba ilixa lakhe lifikile; xa athe ke wazala umntwana, akabi sayikhumbula loo mbandezelo, ngenxa yovuyo lokuba kuzelwe umntu ehlabathini.
    UYohane 16:21
  • Anibanjwanga silingo singesesabantu. Uthembekile ke uThixo, ongayi kuvumela ukuba nilingwe ngaphezu kweninako; owothi, kunye nesilingo eso, avelise ithuba lokuphuma kuso, ukuba nibe nako ukuthwala.
    1 KwabaseKorinte10:13
  • Ithe yona kum, Ubabalo lwam lukwanele; kuba amandla am azalisekiswa ekuswelekeni kwamandla. Ngoko kokukhona sendiya kuqhayisa kamnandi kakhulu ngokuswela kwam amandla, ukuze ahlale phezu kwam amandla kaKristu.
    2 KwabaseKorinte 12:9
  • Ke ekwenzeni okulungileyo masingethi amandla; kuba sovuna ngexesha elililo, ukuba asityhafi.
    KumaGalati 6:9
  • Ndinokuzenza izinto zonke, ndikulowo undomelezayo, uKristu.
    KwabaseFilipi 4:13
  • Noko ke wosindiswa ngokuzala, ukuba bathe bema elukholweni, naseluthandweni, nasebungcwaliseni, benesidima.
    1 KuTimoti 2:15