Happiness


  • Mabavuye bonke abazimela ngawe, Bamemelele ngonaphakade, ubakhusele; Badlamke ngawe abalithandayo igama lakho.
    iNdumiso 5:11
  • Uya kundazisa umendo wobomi; Ebusweni bakho yinzaliseko yemivuyo; Ekunene kwakho yimihlali ngonaphakade.
    iNdumiso 16:11
  • Ngokuba yinto yephanyazo umsindo wakhe, Itarhu lakhe liyinto yobomi; Ngokuhlwa kulalisa ukulila, Kusasa kubakho ukumemelela.
    iNdumiso 30:5
  • Abahlwayelayo beneenyembezi Baya kuvuna benokumemelela.
    iNdumiso 126:5
  • Ingoma yezinyuko. Hayi, uyolo lwabantu bonke abamoyikayo uYehova, Abahamba ngeendlela zakhe!Ukuxelenga kwezandla zakho inene uya kukudla, Uya kuba noyolo wena, kulunge kuwe.
    iNdumiso 128:1, 2
  • abakhululwa bakaYehova babuye beze eZiyon bememelela; benovuyo olungunaphakade phezu kweentloko zabo; baya kufumana imihlali nemivuyo, sisabe isingqala nosizi.
    Isaya 35:10
  • Ezi zinto ndizithethile kuni, ukuze uvuyo lwam luhlale kuni, luthi novuyo lwenu luzaliseke.
    UYohane 15:11
  • Kuba ubukumkani bukaThixo abukukudla nakusela; bubulungisa noxolo novuyo kuMoya oyiNgcwele.
    KwabaseRoma 14:17