Praise


  • Wathi kubo, Yiyani, nidle amanqatha, nisele izinto ezinencasa, nise isabelo kwabangalungiselwanga nto; ngokuba le mini ingcwele kwiNkosi yethu. Musani ukuba buhlungu; ngokuba uvuyo lukaYehova ligwiba lenu. -
    Nehemiah 8:10
  • I will bless the LORD at all times: his praise shall continually be in my mouth. -
    iNdumiso 34:1
  • EkaDavide; oko wazenza ophambene ingqondo phambi koAbhimeleki, waza yena wamgxotha, wahamba. Ndiya kumbonga-
    iNdumiso 50:23
  • -
    iNdumiso 150
  • Hayi, uyolo lwabantu abakwaziyo ukuduma! Baya kuhamba ekukhanyeni kobuso bakho, Yehova.
    iNdumiso 89:15
  • Umhobe wombingelelo wokubulela. Dumani kuYehova, nonke hlabathi.Mkhonzeni uYehova nivuya; Yizani phambi kwakhe nimemelela. -
    iNdumiso 100:1, 2
  • Umhobe; ingoma, ngemini yesabatha. Kulungile ukubulela kuYehova, Nokulibethela uhadi igama lakho, Wena usenyangweni;
    iNdumiso 92:1
  • EkaDavide. Umhobe. Ndiya kuvuma ngenceba nangomgwebo; Ndiya kukubethela uhadi, Yehova. -
    iNdumiso 101:1
  • UYehova ngukumkani; liyagcoba ihlabathi, Ziyavuya iziqithi ezininzi. -
    iNdumiso 97:1
  • Vuyani ngoYehova, malungisa, Nibulele isikhumbuzo sakhe esingcwele. -
    iNdumiso 97:12
  • EkaDavide. Mbonge uYehova, mphefumlo wam, Ilibonge igama lakhe elingcwele into yonke engaphakathi kwam.Mbonge uYehova, mphefumlo wam, Ungayilibali yonke impatho yakhe entle: -
    iNdumiso 103:1, 2
  • EkaDavide. Mbonge uYehova, mphefumlo wam, Ilibonge igama lakhe elingcwele into yonke engaphakathi kwam.Mbonge uYehova, mphefumlo wam, Ungayilibali yonke impatho yakhe entle: -
    iNdumiso 149:1, 3-5
  • Obingelela umbulelo uyandizukisa, Alungise indlela, Endombonisa kuyo usindiso lukaThixo.-
    iNdumiso 50:23
  • Ke kaloku, malunga phakathi kobusuku, ooPawulos noSilas babethandaza, bevuma elokudumisa uThixo; babephulaphula ke ababanjwa. -
    IZenzo 16:25
  • Uthe akucebisana nabantu, wamisa iimvumi zikaYehova zokudumisa, zivethe ezingcwele, eziya kuphuma zihambe phambi kwabaxhobileyo, zisithi, bulelani kuYehova, ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.Bathe bakuqala ukumemelela nokudumisa, uYehova wabafikisela abalaleli oonyana baka-Amon, nabakaMowabhi, nabasentabeni yakwaSehire, ababeze kumaYuda; babulawa. -
    2 YeziKronike 20:21, 22
  • Ezintweni zonke bulelani; kuba oko kukuthanda kukaThixo kuKristu Yesu ngani. -
    1 KwabaseTesalonika 5:18
  • Ngoko masithi ngaye sinyuse ngamaxesha onke kuye uThixo umbingelelo wendumiso, oko kukuthi, isiqhamo somlomo olivumayo igama lakhe. -
    KumaHebhere 13:15
  • Umlomo wam uya kuzala yindumiso yakho, Sisihombo sakho imini yonke. -
    iNdumiso 71:8
  • Ke mna ndiya kuhlala ndilindile, Ndongeze endumisweni yakho yonke. -
    iNdumiso 71:14
  • Kwasekuphumeni kwelanga kuse ekutshoneni kwalo, Malidunyiswe igama likaYehova. -
    iNdumiso 113:3
  • nithetha omnye nomnye ngeendumiso, neengoma, nezango ezizezomoya, nivuma, nibetha uhadi entliziyweni yenu kuyo iNkosi,nimana nibulela ngenxa yeento zonke, egameni leNkosi yethu uYesu Kristu, kuye uThixo uYise; -
    KwabaseEfese 5:19, 20
  • Haleluya! Kwaphuma izwi etroneni, lisithi: Mdumiseni uThixo wethu, nonke nina bakhonzi bakhe, Nani bamoyikayo, abancinane kwanabakhulu. -
    IsiTyhilelos 19:5