Prayer


  • Celani, nophiwa; funani, nofumana; nkqonkqozani, novulelwa;-
    UMateyu 7:7
  • Ukuba nithe nahlala kum, namazwi am ahlala kuni, nocela into enisukuba niyithanda, niyenzelwe.. -
    UYohane 15:7
  • Ndinqule, ndikuphendule, ndikuxelele izinto ezinkulu ezinqabileyo, ongazaziyo. -
    Yeremiya 33:3
  • Niya kundifuna, nindifumane, xa nithe nandifuna ngentliziyo yenu yonke; -
    Yeremiya 29:13
  • Kuya kuthi bengekabizi, ndisabele; besathetha, ndibe sendivile. -
    Isaya65:24
  • Kanjalo ndithi kuni, Ukuba ababini kuni bathe bavumelana emhlabeni apha ngeendawo zonke abangazicelayo, bozenzelwa nguBawo osemazulwini.Kuba apho bahlanganisene khona egameni lam, nokuba babini nokuba bathathu, ndikho mna apho phakathi kwabo. -
    UMateyu18:19, 20
  • Kuko oku ukungafihlisi esinako kuye: ukuba sithi sicele into ngokokuthanda kwakhe, uyasiva.Ukuba siyazi okokuba uyasiva esisukuba sikucela, siyazi ukuba sinazo izinto ezicelwayo, esizicelileyo kuye. -
    1 UYohane 5:14, 15
  • Thandazani ningayeki.
    1 KwabaseTesalonika 5:17
  • Ukuba bendisekeleze ubutshinga ngentliziyo yam, INkosi yam ibingayi kuphulaphula.Hayi ke, uThixo uphulaphule, Ulibazele indlebe ilizwi lomthandazo wam. -
    iNdumiso66:18, 19
  • Ithe ke iNkosi, Simon, Simon, uyabona, uSathana ubenibanga, ukuba anele njengengqolowa.Ke mna ndikhungile ngawe, ukuba ukholo lwakho lungapheli; nawe ke, xa ubuye wabuya, uze ubazimase abazalwana bakho. -
    ULuka22:31, 32
  • Ngoko unako nokubasindisa kanye abo bezayo ngaye kuThixo, ehlala ehleli nje ukuba abathethelele. -
    KumaHebhere 7:25
  • Ngoko ndinga angathandaza amadoda kuzo zonke iindawo, ephakamisa izandla ezingcwele, engenangqumbo, engenantandabuzo. -
    1 KuTimoti 2:8
  • Ngokukwanjalo ke noMoya uncedisana nokuswela kwethu amandla; kuba esingakuthandazelayo ngokoko simelwe kukuthandaza ngako, asikwazi; uthi ke uMoya ngokwakhe asithethelele ngezincwino ezingathethekiyo.Ke oziphengululayo iintliziyo uyakwazi into okuyiyo ukunyameka koMoya; ngokuba ubathethelela abangcwele ngokukaThixo -
    KwabaseRoma 8:26, 27
  • Ngenxa yoko ndithi kuni izinto enisukuba nizicela, nithandaza, kholwani ukuba ninokuzamkela; noba nazo. -
    UMarko 11:24
  • nesithi sikucele siyakwamkela kuye, ngokuba imithetho yakhe siyigcina, sizenze izinto ezikholekileyo emehlweni akhe. -
    1 UYohane3:22
  • Waza, ehambele phambili umganyana, wawa ngobuso bakhe, wathandaza, esithi, Bawo, ukuba kunokwenzeka, mayidlule kum le ndebe; noko makungabi njengokuthanda kwam, makube njengokuthanda kwakho. -
    UMateyu 26:39
  • Ke wena, xa sukuba uthandaza, ngena egumbini lakho, uthi, uluvalile ucango lwakho, uthandaze kuYihlo osemfihlekweni; aze noYihlo obona emfihlekweni akubuyisele ekuhleni.Nithandaza njalo ke, maningenzi milembelele ingeyanto, njengabeentlanga; kuba beba boviwa ngenxa yamazwi abo amaninzi. -
    UMateyu 6:6, 7
  • Masisondlele ke ngoko sinokungafihlisi kuyo itrone yobabalo, ukuze samkeliswe inceba, sifumane ubabalo lokusiza ngexesha elililo. -
    KumaHebhere4:16
  • ngako konke ukuthandaza nokukhunga, nithandaza amaxesha onke nikuye uMoya; niyiphaphamele loo nto ngako konke ukuzingisa nokukhunga, ngenxa yabo bonke abangcwele; -
    KwabaseEfese 6:18
  • Ngokuhlwa, nakusasa, nasemini enkulu ndiya kucamngca, ndincwine; Uya kuliva izwi lam. -
    iNdumiso 55:17
  • Uwubhekile umthandazo wabachushuluzayo, Akawudela umthandazo wabo.-
    iNdumiso 102:17
  • Ndiyamthanda, ngokuba uYehova eliva Ilizwi lam, ukutarhuzisa kwam.Ngokuba endithobele indlebe yakhe, Ndiya kumnqula ngemihla yam yonke. -
    iNdumiso 116:1, 2

  • iNdumiso 55:17
  • Uwubhekile umthandazo wabachushuluzayo, Akawudela umthandazo wabo.
    iNdumiso 102:17
  • Ndiyamthanda, ngokuba uYehova eliva Ilizwi lam, ukutarhuzisa kwam.Ngokuba endithobele indlebe yakhe, Ndiya kumnqula ngemihla yam yonke.
    iNdumiso 116:1, 2
  • Ngokuba abantu aba baya kuhlala eZiyon, eYerusalem; aniyi kuba sabuya nilile; uya kunibabala ngenene ekuvakaleni kokukhala kwenu; akukuva, uya kusabela.
    Isaya 30:19
  • Kuya kuthi bengekabizi, ndisabele; besathetha, ndibe sendivile.
    Isaya 65:24
  • Ndinqule, ndikuphendule, ndikuxelele izinto ezinkulu ezinqabileyo, ongazaziyo.
    Yeremiya 33:3
  • Naxa sukuba uthandaza, uze ungabi njengabahanahanisi; ngokuba bethanda ukuthandaza bemi ezindlwini zesikhungu nasezimbombeni zezitrato, ngokokuze babe nokubonwa ngabantu. Inene ndithi kuni, Bawufincile umvuzo wabo.
    UMateyu 6:5
  • Inene, ndithi kuni, Konke enithe nakubopha emhlabeni, kobotshwa emazulwini; nako konke enithe nakukhulula emhlabeni, kokhululwa emazulwini.Kanjalo ndithi kuni, Ukuba ababini kuni bathe bavumelana emhlabeni apha ngeendawo zonke abangazicelayo, bozenzelwa nguBawo osemazulwini.Kuba apho bahlanganisene khona egameni lam, nokuba babini nokuba bathathu, ndikho mna apho phakathi kwabo.
    UMateyu 18:18, 19, 20
  • Nento enithe nayicela egameni lam, ndoyenza yona, ukuze uYise azukiswe ngoNyana.Ukuba nithe nacela into ngegama lam, ndoyenza mna.
    UYohane 14:13, 14
  • Ukuba nithe nahlala kum, namazwi am ahlala kuni, nocela into enisukuba niyithanda, niyenzelwe..
    UYohane 15:7
  • Nangaloo mini aniyi kundibuza nto. Inene, inene, ndithi kuni, Zonke izinto enithe nazicela kuBawo egameni lam, woninika.Kude kwaba ngokunje, anikaceli nto egameni lam; celani, niya kwamkela, ukuze uvuyo lwenu luzaliseke.
    UYohane 16:23, 24
  • Sondelani kuye uThixo, wosondela kuni. Hlambululani izandla, boni, nenze nyulu iintliziyo, nina bamphefumlo umbaxa.
    EkaYakobi 4:8
  • nesithi sikucele siyakwamkela kuye, ngokuba imithetho yakhe siyigcina, sizenze izinto ezikholekileyo emehlweni akhe.
    1 UYohane 3:22
  • Kuko oku ukungafihlisi esinako kuye: ukuba sithi sicele into ngokokuthanda kwakhe, uyasiva.Ukuba siyazi okokuba uyasiva esisukuba sikucela, siyazi ukuba sinazo izinto ezicelwayo, esizicelileyo kuye.
    1 UYohane 5:14, 15

  • Isaya 45:11
  • Niya kundifuna, nindifumane, xa nithe nandifuna ngentliziyo yenu yonke;
    Yeremiya 29:13
  • Waphendula ke uYesu wathi kubo, Inene, ndithi kuni, ukuba nithe nanokholo, anathandabuza, anisayi kwenza le nto yomkhiwane yodwa; kosuka, nokuba nithe kule ntaba, Thabatheka uphoseke elwandle, kwenzeke.Neento zonke enithe nazicela ekuthandazeni nikholwa, nozamkela.
    UMateyu 21:21, 21D, 22
  • Ngenxa yoko ndithi kuni izinto enisukuba nizicela, nithandaza, kholwani ukuba ninokuzamkela; noba nazo.
    UMarko 11:24
  • Nam ndithi kuni, Celani, nophiwa; funani, nofumana; nkqonkqozani, novulelwa.Kuba wonke umntu ocelayo, uyazuza; nalowo ufunayo, uyafumana; nalowo unkqonkqozayo, uya kuvulelwa.
    ULuka 11:9, 10
  • owathi, ngokusingisele kwidinga likaThixo, akathandabuza ngokungakholwa; wesuka womelela ngokholo, ezukisa uThixo,eqinisekile ukuba oko akumise ngedinga, unako nokukwenza.
    KwabaseRoma 4:20, 21
  • Kuye ke onako ukwenza okungaphezu kweento zonke ngokugqithiseleyo kakhulu, ngaphezu kwesikucelayo nesinokukuqiqa, ngokokwamandla asebenzayo ngaphakathi kwethu,
    KwabaseEfese 3:20
  • Kuye ke onako ukwenza okungaphezu kweento zonke ngokugqithiseleyo kakhulu, ngaphezu kwesikucelayo nesinokukuqiqa, ngokokwamandla asebenzayo ngaphakathi kwethu,
    KumaHebhere 4:16
  • Ke, lungekho ukholo, akunakubakho ukumkholisa kakuhle; kuba lowo uzayo kuThixo, umelwe kukukholwa ukuba ukho, nokuba ungumvuzi wabo bamfunayo.
    KumaHebhere 11:6
  • Ke makacele ekholwa, engathandabuzi; kuba lowo uthandabuzayo ufana nokulatyuza kolwandle, luqhutywa ngumoya, luntsileka.Kuba loo mntu makangabi uya kwamkela nto kuyo iNkosi.
    EkaYakobi 1:6, 7
  • Kuko oku ukungafihlisi esinako kuye: ukuba sithi sicele into ngokokuthanda kwakhe, uyasiva.
    1 UYohane 5:14

  • iNdumiso 5:3
  • Umhobe kaDavide: oko ebesentlango yakwaYuda. Thixo, unguThixo wam, ndiya kukuquqela kwakusasa, Umphefumlo wam unxanele wena; inyama yam iyakulangazelela Ezweni elingumqwebedu, elibharhileyo, eligenamanzi.
    iNdumiso 63:1
  • Hayi, uyolo lwababambe izingqiniso zakhe, Abamquqelayo ngentliziyo epheleleyo!
    iNdumiso 119:2
  • Ke wena, xa sukuba uthandaza, ngena egumbini lakho, uthi, uluvalile ucango lwakho, uthandaze kuYihlo osemfihlekweni; aze noYihlo obona emfihlekweni akubuyisele ekuhleni.
    UMateyu 6:6

  • 2 Samuel 22:5-7
  • Kuba azidelekanga, azibanga nazothe kuye iintsizi zolusizana; Akabusithelisanga ubuso bakhe kuye; Ekuzibikeni kwakhe kuye waphulaphula.
    iNdumiso 22:24
  • Kuba azidelekanga, azibanga nazothe kuye iintsizi zolusizana; Akabusithelisanga ubuso bakhe kuye; Ekuzibikeni kwakhe kuye waphulaphula.
    iNdumiso 50:15
  • Kholosani ngaye ngamaxesha onke, nina bantu; Phalazani intliziyo yenu phambi kwakhe. UThixo ulihlathi kuthi. (Phakamisani.)
    iNdumiso 62:8
  • Noko ke wakunonelela ukubandezelwa kwabo, Akuva ukuhlahlamba kwabo.Wawukhumbula ngenxa yabo umnqophiso wakhe, Wazohlwaya ngenxa yobuninzi beenceba zakhe.
    iNdumiso 106:44, 45
  • Ndiya kuquqela kuwe ngentliziyo yam yonke; Musa ukundilahlekanisa nemithetho yakho.
    iNdumiso 119:10
  • Funani uYehova esenokufunyanwa; mbizeni esekufuphi.
    Isaya 55:6
  • Akwabakho ulinqulayo igama lakho, uzixhoxhayo ukuba abambelele kuwe; ngokuba ubusithelisile ubuso bakho kuthi, wasinyibilikisa ngobugwenxa bethu.
    Isaya 64:7
  • Niya kundifuna, nindifumane, xa nithe nandifuna ngentliziyo yenu yonke;
    Yeremiya 29:13
  • Vuka, uhlahlambe ebusuku, ekuqalekeni kwemilindo; Yiphalaze njengamanzi intliziyo yakho ebusweni beNkosi; Ziphakamisele kuyo izandla zakho, ngenxa yomphefumlo wabantwana bakho, Abatyhafileyo kukulamba ekujikeni kwezitrato zonke.
    Lamentations 2:19
  • Masiziphengulule iindlela zethu, sizigocagoce, sibuyele kuYehova.Masizinyuse iintliziyo zethu kunye nezandla zethu, sizise kuThixo emazulwini.
    Lamentations 3:40, 41
  • Nangoku ke, utsho uYehova ukuthi, Buyelani kum ngentliziyo yenu yonke, nangokuzila, nangokulila, nangokumbambazela;
    JOEL 2:12
  • Olu ke lona uhlobo aluphumi, kungengako ukuthandaza nokuzila ukudla.
    UMateyu 17:21