Comfort in failure


  • iNdumiso 34:18 Usondele uYehova kwabantliziyo zaphukileyo, Abasindise abamoya utyumkileyo.
  • iNdumiso 34:22UYehova uyawukhulula umphefumlo wabakhonzi bakhe, Bangathwali tyala bonke abazimela ngaye.
  • iNdumiso 37:24 Ewile, akayi kuqungquluza, Ngokuba nguYehova umxhasi wesandla sakhe.
  • iNdumiso 71:20, 21 Wena, usibonisileyo iimbandezelo ezininzi ezinobubi, Uya kubuya usiphilise, Ubuye usirhole ezinzonzobileni zamanzi ehlabathi; Uya kubandisa ubukhulu bam, Ubuye wena undithuthuzele.
  • iNdumiso 94:19 Ebuninzini beengcinga-ngcinga zam ngaphakathi kwam, Iintuthuzelo zakho ziyawuyolisa umphefumlo wam.
  • iNdumiso 119:50Yiyo le intuthuzelo yam ekucinezelekeni kwam, Yokuba intetho yakho indiphilisile.
  • iNdumiso 138:7 Ukuba ndithe ndahamba-hamba phakathi kweembandezelo, uyandiphilisa; Wosolulela emsindweni weentshaba zam isandla sakho, Sindisindise isandla sakho sokunene.
  • iNdumiso 142:3 Ekutyhafeni komoya phakathi kwam, Uyayazi wena ingqushu yam. Emendweni endihamba ngawo Bandiqhushekela isibatha.
  • Isaya 25:4 Ngokuba waba ligwiba kwisisweli, igwiba kwihlwempu ekubandezelweni kwalo, ihlathi esiphangweni, umthunzi lakubalela, xa ukufutha kwabangcangcazelisayo kwaba njengesiphango eludongeni.
  • Isaya 41:10 musa ukoyika, kuba ndinawe mna; musa ukubhekabheka, kuba ndinguThixo wakho; ndikukhaliphisile, ewe, ndikuncedile, ndikuxhasile ngesandla sam sokunene sobulungisa bam.
  • Isaya 41:17 Ke abaziintsizana nabangamahlwempu baya kufuna amanzi, angabikho, ulwimi lwabo lome linxano; mna Yehova ndiya kubaphendula; mna, Thixo kaSirayeli, andiyi kubashiya.
  • Isaya 41:18 Ndiya kuyivula imilambo eluqayini, nemithombo phakathi kweentili, ndenze intlango ibe lidike elinamanzi, nomhlaba ongumqwebedu ube ziindawo eziphuma amanzi.
  • Isaya 61:3 ukubamisela abanesijwili baseZiyon, ukubanika isihombo sentloko esikhundleni sothuthu, ioli yemihlali esikhundleni sesijwili, ingubo yendumiso esikhundleni somoya odambayo; ukubizwa kwabo kuthiwe yimiterebhinti yobulungisa, isityalo sikaYehova sokuhomba.
  • Lamentations 3:31-33 Ngokuba iNkosi yam ayiyi kumhlamba umntu ngonaphakade, Ngokuba naxa imhlisele usizi, noko yoba nemfesane ngokobuninzi benceba yayo. Ngokuba ayibacinezeli ngokuphuma entliziyweni yayo, ibenze babe nosizi oonyana babantu.
  • KwabaseRoma 8:28Siyazi ke ukuba zonke izinto zisebenziselana okulungileyo kwabo bamthandayo uThixo, kwababiziweyo ngokwengqibo yakhe.
  • KwabaseFilipi1:6 ekubeni ndikholose ngayo le nto, yokuba lowo wawuqalayo ngaphakathi kwenu umsebenzi olungileyo, wowufeza, ide ibe yiloo mini kaYesu Kristu; :
  • 2 KuTimoti 2:12 ukuba siyanyamezela, solawula kwandawonye naye; ukuba siyamkhanyela, naye wosikhanyela;