Guidance and Follow up


  • Khuthalela ukubazi ubume bempahla yakho emfutshane, Yibhekise intliziyo yakho emihlambini yakho.
    miZekeliso 27:23
  • Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, mna ngokwam ndiya kuwukhathalela umhlambi wam, ndiwuvelele.
    UHezekile 34:11
  • Aphinde athi kuye okwesibini, Simon kaYona, uyandithanda na? Athi kuye, Ewe, Nkosi, uyazi wena ukuba ndiyakuthanda. Athi kuye, Yalusa izimvu zam.
    UYohane 21:16
  • Mna ndatyala, uApolo wankcenkcesha, ke nguThixo owahlumisayo.Ngoko ke lowo utyalayo akalutho, nalowo unkcenkceshayo akalutho; oyinto nguThixo lo uhlumisayo. .
    1 KwabaseKorinte 3:6, 7
  • Ngokobabalo lukaThixo endababalwa ngalo, ndithi, ngokomakhi osisilumko, ndibeke ilitye lesiseko, athi ke omnye akhe phezu kwalo; ke elowo makakhangele ukuba uthini na ukwakha kwakhe phezu kwalo.
    1 KwabaseKorinte 3:10
  • Ukuba ke thina sanihlwayelela izinto ezizezoMoya, yinto enkulu na, ukuba siya kuvuna izinto zenu ezizezenyama?
    1 KwabaseKorinte 9:11
  • Qondani ke le nto: Lowo uhlwayela ngokuvimba wovuna kwangokuvimba; nalowo uhlwayela ngesisa wovuna kwangesisa.
    2 KwabaseKorinte 9:6
  • uthi nezinto owazivayo kum ngamangqina amaninzi, ezo uzibeke phambi kwabantu abathembekileyo, bona baya kukulingana ukufundisa nabanye.
    2 KuTimoti 2:2
  • Waluseni umhlambi kaThixo ophakathi kwenu, niwuvelela, kungengakunyanzelwa, makube ngokokuzithandela; kungengenxa yenzuzo embi, makube ngokuthumekelela;
    1 KaPetros 5:2